Isingqisethu sizakuba yinxalenye yemibhiyozo kaOR Tambo

Umphathiswa wezemidlalo, ubugcisa nenkcubeko uPemmy Majodina exhentsa nelinye lamaqela esingqi sesintu kumnyhadala Isingqisethu Wildcoast Cultural Festival

Bebephume ngobuninzi babo abahlali baseSajonisi bezokonwabela umnyhadala wesingqi sesintu, Isingqisethu ebesikula dolophu kule mpelaveki. 

Badele imvula nobumanzi obebukhapha esi singqi bagcwalisa iintente nezinye iindawo zoluntu ebekubuthelwene kuzo. Angaphaya kwamakhulu amane amaqela omxhentso wesintu, iimvumi, neembongi, ebesabelana ngeqonga konwatyiswe loo ginginya ibibuthelene apho. 

Ukanti kwezinye iintente bekumbejembeje yimibalabala yesinxibo sakwantu, iintsimbi zehombo nezinye izinto zobugcisa eziphuma kwizithili zoomasipala abohlukeneyo kweli leMpuma Koloni. 

Lo mnyhadala ubukwazinyaswe ziindwendwe eziphuma kwelaseJamani, iphondo elibizwa ngokuba yiLower Saxony nelinentsebenziswano norhulumente weMpuma Koloni. Umphathiswa wesebe lobugcisa, inkcubeko, nemidlalo kweli kwimidlalo uPemmy Majodina uthe urhulumente waseJamani ebefudula exhasa ezemidlalo kodwa ngoku kusungulwe inkqubo yokwabelana ngezakhono kwizinto zenkcubeko nobugcisa. 

“Ngokwale nkqubo sizakuthumela abavelisi bezinto zobugcisa eLower Saxony, nabo kwela phondo bazakuthumela abantu babo kweli phondo,” utshilo uMajodina. Uqhube wathi, “Into ebizelwe leli gqiza kukujonga indlela esiqhuba ngayo kumaziko embali (Museums) nalapho baveze ukuba kwawabo amaziko embali ayavulwa ngemigqibelo, kodwa ke ndibone kufanelekile ukuba ndibazise kulo mnyhadala.”

 Uhlabe ikhwelo kubo bonke oomasipala beMpuma Koloni esithi mabawuxhase lo mnyhadala kuba nguwo kuphela odibanisa abantu bonke beli phondo. “Ngeke ibe nguDESRAC kuphela othwele olu xanduva, kuba bonke abathatha inxaxheba apha baphuma kubo bonke oomasipala, kwaye bayayithanda le nto bayenzayo,” uqhube watsho uMajodina. Ukhuthaze amaqela ebethatha inxaxheba ukuba afike abe luncedo nakwabanye abangafikelelanga, njengoko akhethwe phakathi kwamanye amaqela abekulo mnyhadala.

 Ilungu lebhodi lebhodi yeEastern Cape Parks and Tourism Agency uSilumko Ncume uthe lo mnyhadala ubaluleke kakhulu kuqoqosho lengingqi ekuyo iSajonisi nakuphuhliso loqoqoqsho lasemaphandleni. “Zonke iindawo zokuhlala ziyaphuphuma ngabantu abatyelele lo mnyhadala. 

Lo nto yenza igalelo kuqoqosho lwale dolophu, inika ithuba kwabanemibono kwezoshishino ukuba yintoni abangayiphucula ukuze baxhamle kwiminyhadala efana nalo,” utshilo okaNcume.

 Ukanti uSodolophu womasipala iOR Tambo uNomakhosazana Meth uthe Isingqisethu kunyaka ozayo kufuneka sibe kumgangatho ophezulu kuba lowo izakuba ingunyaka wokubhiyozela ikhulu leminyaka yokuzalwa kukaOliver Tambo.