Isiyobisi esibolisa amazinyo ngokukhawuleza

EKAPA: “ITIK ibolisa amazinyo ngokukhawuleza,” litsho isebe leZifundo zaMazinyo kwiYunivesithi yaseNtshona Koloni.

Ophethe kweli sebe, uNjingalwazi Sudeshni Naidoo, uthe oku bakuqaphele ngokwanda kwezigulana zolutsha ezigugileyo ezingeniswa kwisibhedlele saseTygerberg kwicala lamazinyo.

UNaidoo uthe ngokwesiqhelo, imingxunya yamazinyo iphuma kanye emihlathini ngaphezulu.

“Akunjalongo kwezi zigulana, imingxunya iphuma kula angaphambili amazinyo. Lo nto ikhokhelela ekuboleni kwamazinyo,” utsho.

Uthe oku kubola kubangelwa kukuba isiyobisi i’Tik’ inciphisa ukuhamba kwegazi eliya kwiindawo zokwenza amathe, ntoleyo ecutha amathe ibangele ukoma kwamazinyo wabo bayisebenzisayo.

UNaidoo noDirk Smit ongugqirha wamazinyo eTygerberg nasekuhlaleni baqokelele amazinyo angaphaya kwama300 ezigulane ezineminyaka ephakathi kwengama21 ukuya kwengama29 ezitshaya iTik, bafumanisa ukuba iMethamphetamine okanye iTik ibangela ingxaki emlonyeni nasemazinyweni ebizwa ngokuba yi “Meth mouth”.

Bathi ibangela isifo sentsini nokubola kwamazinyo. “Ukuba ikhe yaqala kunzima ukuba iyeke ze ikhokhelele ekukhutshweni kwamazinyo amaninzi,” batsho.

Bathi luseluncinci ulwazi ngeMeth mouth le.

UNaidoo uthe ezizigulane ziya esibhedlele kuba zisiva intlungu kodwa zithi xa zidibana noogqirha abe sele ephelile amazinyo.