Iswelekile inkwenkwe ebiphila ngokungqiba

Usapho lakwaMantangeni eWaterfall eMthatha olulala ngamanzi ngenxa yendlala elijongene nayo, lugqejwe olungophiyo.

Olu sapho luswelekelwe ngunyana walo oneminyaka elishumi nesithathu (13) ngoLwesihlanu weveki ephelileyo.

Le nkwenkwana uGcina Noto Mantangeni obephila ngokungqiba ezitalatweni zaseMthatha, usweleke ngethuba engqutywa sisithuthi sikawonke emveni kokugwazwa ngumntu ophazamiseke ngowasengqondweni kwisitalato madeira kumbindi wedolophu wasweleka ngoko nangoko.

Ixhoba ngomnye wabantwana abalala ezitalatweni zedolophu yaseMthatha umhla nezolo. Utata wexhoba uNoqwana Mantangeni ubalule imeko yekhaya njengembi kakhulu.

“Ngezinye iimini silala singatyanga ngenxa yehambo nzima, akukho mntu uphangelayo kweli khaya. Sikhathazekile kukusweleka kukaGcina nanjengoko waphuma ekhaya ngenxa yendlala wakhetha ukuyozikhangelela ukutya edolophini. Asazi sizongcwaba njani kuba asinanto sicela ukuncediswa. Singavuya nabani okwaziyo aphose esivivaneni,” utsho uMantangeni.

Eyona nto yenza ubunzima nangakumbi kukuba umama weli khaya akanaso nesazisi sokuzalwa. Umfundisi weli bandla laseMthini uTshepo Machaea uthi sele betyelele eli khaya ngeenjongo zokujonga imeko.

“Emveni kokubona imeko yeli khaya lakwaMantangeni sibone singenothula sathatha isigqibo sokuncedisa kumalungiselelo omnngcwabo.

Lo mntwana ukhutshwe yimeko ekhayeni wangena esitalatweni apho aswelekele khona,” kubalula Machaea.

Eli bandla lelona lijongene nokukhathalela abantwana abahlala ezitalatweni abangamakhulu amabini anesithathu.