ITakalani Sesame ikhuthaza intlalontle kubantwana baseMpuma Koloni

Umfanekiso: UKami weTakalani Sesame ekunye nabantwana baseShad Mashologu Junior Primary, isikolo saseMdantsane

UMBUTHO ongajonganga nzuzo okhuthaza intlalontle ebantwaneni iTakalani Sesame usungule iphulo lokukhuthaza ulonwabo ebantwaneni iPlay Well and Be Happy ezakunatyiswa kwiphondo leMpuma Koloni liphela.

Iinjongo zeli phulo, elisungulwe kutshanje eMonti, kukuthaza abantwana ukuba bakuthande ukufunda logama besakhula.

Ngokweenkcukacha iMpuma Koloni inabantwana abakuma-900 000 abakwiminyaka emihlanu nangaphantsi kwaye uninzi lwabo alufikeleli kwizixhobo zokudlala ngenxa yeqondo lentlupheko. Oku kungunobangela wokuba abantwana bakhule kunzima ukufunda.

Abantwana abakuma-60 000 abaneminyaka emihlanu nangaphantsi abafunda kwizikolo zokugcinwa koonomngqushwana (Day Care) kulindeleke ukuba baxhamle kweli phulo.

“Siyavuya ukusebenzisana neLEGO Foundation ukuza notshintsho kubantwana baseMpuma Koloni. ITakalani Sesame iyathandwa ngabantwana neentsapho zoMzantsi Afrika,” utshilo uSherrie Westin ongusekela-ngqonyela kwaTakalani Sesame.