IToilet City eBhayi

Toilet City eBhayi Umfanekiso: Mpumelelo Matwa

Bavuya bengavuyi abahlali abathuthelwa kumhlaba okwiwadi engunombolo 29 eMotherwell phantsi kwephulo likamasipala waseNelson Mandela lokuphelisa ingxinano, uqhankqalazo, nokungena ngetshova kumhlaba ekungavumelekanga ukuba kwakhiwe kuwo.

ISebe loHlaliso loLuntu lithi liza kuchitha izigidi ezingaphaya kwamashumi amathathu ekusikeni nasekwakheni imibhobho ebaleka amanzi nezindlu zangasese ngeenjongo zokubuyisela isidima kabantu bale ndawo.

Oyintloko yesebe njengelungu likasodolophu, uNgaba Bhanga, uthe umasipala wabo unengxaki enkulu yomthwalo wokwakha nokubonelela abantu bale ndawo ngezindlu, esithi bakwayiqonda kakuhle ukuba kutheni abantu bethanda ukuqhankqalaza nokukhalazela ukurhuqa unyawo ekuzisweni kweenkonzo ngumasipala.

“Nangona kunjalo, asiyikhuthazi into yokuba kubhoxwe, kutshiswe izakhiwo neendlela zikamasipala,” utshilo .

Ongumqondisi kweli sebe uThembakazi Hlela, uthe aba bantu bafuduswe besuka kwindawo zamatyotyombe ahleli ngokuxinana, bephantsi kweentambo zemibane kwiilokishi zaseChris Hani, eMandela naseDongweni.

Uthe okwangoku bacande malunga namakhulu amahlanu eziza kwaye sekuqalisiwe nokwakhiwa izindlu bencediswa liqumrhu lophuhliso elibizwa ngokuba yiCoega Development Co-operation (CDC). UThanduxolo Seti ongomnye wabafuduselwe kule ndawo nozichaze ngokuba ulelinye lamalungu ekomiti yabahlali, uthe bayakuvuyela ukuba bobonelelwe ngeziza kodwa abaxolanga kwaphela yimeko yezindlu zangasese, esithi ziyavuza kwaye zineentanda ezinkulu ezibangela ukuba bazive bengakhuselekanga ngokwasempilweni.

“Kunceda ntoni ukukhutshwa ebobosini usiwe kwelinye, eyona nto iphambili neyakubangela ukuba sizive siphila ubomi obungcono zizindlu, sizichazile ezi ngxaki zokuvuzelwa ziithoyilethi kodwa asikaboni nto ilungiswayo ngumasipala,” uthethe watsho.

USylvia Mthetho (56) ongomnye wabahlali, yena uthe uziva encedakele kukuphuma ebugxwayibeni bangaphambili.