Ityala likanoteksi lokudlwengula umkhweli ona14!

 

UMongameli Jojo (34) nongumqhubi wezithuthi zikawonkewonke KwaZakhele eBhayi, ulindele ukuva isigwebo sakhe aza kuthi asinikwe yiNkundla emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula.

UJojo ufunyenwe yinkundla yengingqi yamatyala aseBhayi enetyala lokudlwengula intwazana ene14 leminyaka neyayingumkhweli kwisithuthi sakhe.

Esi sehlo senzeke ngeyoKwindla ka2016 emini ngethuba ixhoba lalihamba nabantwana bakowalo ababini, owayeneminyaka emithathu noneminyaka emine kuphela, ngethuba besuka kumama wabo kwilokishi yaseSoweto kwaseBhayi, beyokubona umakhulu wabo KwaZakhele.

UJojo wawakhwelisa amaxhoba, xa bengakumangcwaba aseVeeplaas wamisa.

Ingxelo ithi endaweni yokuba uJojo abathathe abase kwisitalato sikamakhulu wabo, wabathatha wabafaka eVeeplaas apho wafika wadlwengulela khona ixhoba, abantwana bejongile. Abantwana balila bengenathemba ngethuba kusenzeka oku kusisi wabo.

UJojo kuvakala ukuba emva kokwenza esi sehlo wathatha iiteki zexabiso zexhoba, akugqiba wabagrogrisa ngokubadubula nangona nje engazange aveze mpu.

Emva koko wabathatha wababeka emnyango kwamakhulu wabo ababesiya kuye kakade.

Othethela iNPA kwingingqi yaseBhayi uAnelisa Ngcakani, uthi uJojo ulindele ukunikwa iminyaka aza kuthi ayichithe ejele yinkundla.

Uza kuvela kwakhona ngomhla wama26 kweyeNkanga 2020. Usengaphakathi eziseleni oko wabanjwa ngo2016 akazange afumane bheyile.