Ityala lomfundisi odlwengule umntwana!

Lirhoxiselwe umhla we20 kule yoMsintsi ityala lomfundisi waseLibode ojongene nezityholo zokudlwengula umntwana wakhe oyintombazana.

UMfundisi uThozamile Mbewu webandla iGodsway Ministry, ubanjwe kwiveki ephelileyo kwikhaya lakhe eliseLibode, emva kokubekwa ityala lokudlwengula intombi yakhe eneshumi elinesibhozo leminyaka.

Ingxelo ekhutshwe siSithethi samaPolisa kula mmandla, uKhapteni Dineo Koena, ithi lo mfundisi waqala ukulidlwengula ixhoba ngonyaka ka2015 ekhayeni lolu sapho eliseLibode. UMbewu ebevele kwiNkundla kaMantyi eLibode ngoLwesihlanu, nalapho avakalise ukuba uza kuliphika ityala, laze lamiselwa umhla we20 kule nyanga, apho kulindeleke ukuba afake isicelo sebheyile.

INkumanda yamaPolisa ebambeleyo kula mmandla uBrigadier Nomawethu Makonza, uthi amapolisa aza kusiphikisa isicelo sebheyile salo mfundisi ngenxa yobuzaza beli tyala.

Uthe xa engaphandle angaphazamisa amangqina eli tyala, kwaye nexhoba ngeke lizive likhuselekile.