Ivela ezinkundleni zamatyala indoda yaseNciba

Kubanjwe indoda yaseNciba emva kokufunyanwa kwayo inompu ongenampepha-mvume.

Le ndoda ineminyaka engamashumi amahlanu anesine ibanjwe ngoMgqibelo wempela veki esisuka kuyo ebusuku kwilali iEagles Nek eNciba.

Isithethi samapolisa aseGcuwa neziphaluka uKapteni Jackson Manatha uthi, ukufumana kwabo lo mpu kumrhanelwa ibebubuchule bamapolisa.

Lo mpu uzakuya kwindawo yokuhlola ukujonga ukuba awukhange wenze monakalo kusini na ngaphambili kummandla waseNciba kwakunye neGcuwa.

Umrhanelwa uzokuvela phambi kweenkundla zamatyala eGcuwa kusasa namhlanje ngetyala lokubanompu ongekho mthethweni.