Ivuliwe iNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni

Ivulwe ngokusesikweni iNdlu yeeNkosi eBhisho. UMFANEKISO: Isolezwe lesiXhosa

UBUPHANTSI kakhulu umgangatho womsitho wokuvulwa ngokusesikweni kweNdlu yeeNkosi eBhisho xa uthelekiswa neminyaka  engaphambili.


Ukugqagqana kwabantu ezitulweni kube bubungqina boku.

IBhisho le imi kumhlaba ophantsi kobuKumkani bakwaRharhabe, kodwa ibingekho iKumkanikazi yesi sizwe nabo badla ngokuyimela.

Izizwe eziquka amaQwathi kaDalasile, AmaGcina, AbeSotho baseSterkspruit, AmaHlubi aseMpuma Fletcher, abeSotho baseMatatiele bebengekho.

Nangona kunjalo,  ubukho beeKumkani eziquka uZwelonke Sigcawu wamaXhosa, Ndamase Ndamase wamaMpondo aseNyandeni, Dalimvula Mathanzima wabaThembu baseRhode noAzenathi Dalindyebo wabaThembu buwufudumezile lo mcimbi.

Kumazwi wakhe okwamkela usihlalo wale Ndlu,  uNkosi Mwelo Nonkonyana uthe “Kusivuyisa kakhulu ukuba iiKumkani zethu zibekunye nathi kulo msitho, sisikhokelo seKumkani asenza ukuba siwenze kakuhle umsebenzi.”    
                                                                 ..
Obe lilungu lale Ndlu ngaphambili nosele ekhonza kwindlu yeNkosi kuzwelonke uNkosikazi Nosandi Mhlawuli uthe.

“Umbhalo ucacisa ukuba yona ikhona ingxaki, kodwa ungabuzi,” utshilo Mhlawuli. 

UFikile Xasa ngumphathiswa ephantsi kwakhe le ndlu,  ebengekho.  

Ukulinda emigceni kweeNkosi ngumbono ongaqhelekanga zilinde ukutya okusuke kwaphela.

“Asiyiqhelanga le yenzeka apha kulo nyaka, yindlu enesidima le,” zitshilo iiNkosi.                                                   

Ukanti iNkulumbuso uPhumulo Masualle akakhange asondele nakancinci kwizinto ebezilindelwe ziiNkosi.