Ixhalabile iANC kwaNongoma

Umbutho olawulayo iANC KwaZulu Natal uthi uxhalabile kwaye ufuna urhulumente angenelele kwingxaki abajamelene nayo yokubulawa kwamalungu abo kula mmandla.

Oku bakudize kwinkonzo yomngcwabo kaBhekithemba Nyembe ngoMgqibelo obenguceba walo mbutho nobedutyulwe kuMvulo weveki ephelileyo ehamba nomfazi wakhe kwiilali zakwaNongoma.

UNyembe uchazwe lusapho lwakhe njengotata obenothando ngaphakathi kusapho. Ngasemva ushiye amakhosikazi akhe amane kwakunye nabantwana. Wazimanya nalo mbutho ngo2013 emveni kokushiya kwakhe njengoceba kwi-IFP.

Unyembe ungumntu wesithathu ukubulawa olilungu le-ANC kule ndawo kwixesha elifutshane.

Ngaphambili ibenguZodwa Sibiya nobenguceba kwiANC, yanguWandile Ngubeni obeyinkokheli yeANC.