Ixhego lisenkundleni ngokudlwengula umntwana

Izakuphinda ibuyele kwakhona ezinkundleni ekupheleni kwale nyanga indoda enamashumi asibhozo anesithathu (83) yasePlettenberg Bay kumazantsi eKoloni eyadlwengula intwazana eneminyaka esithoba kuphela ngeminyaka kwinyanga yomnga kunyaka ophelileyo.

Ebevelile ngoLwesithathu wale veki ezinkundleni. Lo tatomkhulu ebehlala kwindlu engasemva kusapho lalo mntwana, nawaye wambiza akugqiba wamdlwengula kwigumbi elo lakhe.

Ngethuba evelile enkundleni kwinyanga yoMdumba kulo nyaka uye wakhululwa ngebheyile yewaka leerandi.

Ityala lakhe lakubuyela enkundleni ekupheleni kwale nyanga.