Ixhegwazana: Iphi imali yam yenkamnkam?

Likhala esimantshiyane ixhegwazana lelali yaseVukani eIndwe nanjengoko lingena kwinyanga yesine lingayifumani imali yayo yenkamnkam kuba kusithiwa iminwe yalo ayibonakali ematshinini.

UNodaswephi Annie Jack onamashumi asixhenxe ananye (71) eminyaka ubudala, uthi le imeko iza kumbulala.

“Bendikade ndiyifumana kakuhle imali yam oko ndaqala ukurhola, zange ingxaki enje ndayifumana. Oko kuthe kwatshintshwa imeko yethu yokucofa kulo nyaka, ndithe xa ndiphinda ndiyokurhola ngenyanga yeSilimela ndabuya ndisonge izandla kusithiwa ayibonwa iminwe yam. “Indiphethe kakubi le nto kuba andinaye omnye umntu ophangelayo ndindodwa, ndixhomekeke kule mali,” kutsho eli xhegwazana.

UJack uthi usemva nasekubhataleni umbutho wokumngcwaba.

USandile Jack osisihlobo kwixhoba, uthi kudala esehla esonyuka kwiiofisi zeSebe lezeKhaya, kodwa naye ebuya nelize.

Uthi nasePitoli sele etsalele kweli Sebe, apho kwakuthwe umcimbi wexhoba uphethwe khona, waxelelwa ukuba iminwe kamakhulu ayiveli, yiyo ebangela ukuba angayifumani imali yakhe.

“Siyile eLady Frere kwiSebe lezeKhaya emva kokuba uSassa ethe iminwe ayiveli. Kwaye kwathiwa makaqalele ukwenza isazisi (ID) esitsha. Sisalinde sona, asikafiki nangoku. Sesicela uncedo olunokuthi luvele. Uyalamba phaya umakhulu, akanamntu umncedayo. Ungumntu obekade esitya iipilisi. Uzitya nangakumbi ngoku, akalali kusa ehleli ephethwe kakubi yile nto yokungafumani kwakhe inkamnkam ingakumbi ityala lingekho kuye.”

Isithethi sakwaSASSA ePhondweni, uLuzuko Qina, uthembise ngokuthumela amagosa azokuthi ancede umakhulu ukuqinisekisa ukuba uyayifumana imbuyekezo yemali yeenyanga ezigqithileyo angakhange ayifumane.

Uthi umnqweno wakhe kukuba naye alungelwe umama kuba imbi, kwaye ibuhlungu le nto imehleleyo.