Iyantlukwano yabantsundu

Ngenj’ ixukuxa sisendleleni eya eRhafu, siyokubeka umama uZondeni Veronica Sobukwe kwikhaya lakhe lokugqibela.

Uthi ungena nje eRhafu ubuliswe lucoceko lwale dolophana; izakhiwo zakudala ekubonakala ukuba ziphethwe kakuhle. Sijikeleze nje kancinci sayokufika kwibala elineentente zomngcwabo waseburhulumenteni.

Siye saphoswa yinkonzo ebibanjelwe eWisile kodwa intatheli yethu ebifike kuqala kunathi kwela cala ikwazile ukubona ingxushungxushu yokucinywa kweekhamera ecaweni kukhutshwa enye yeenkokheli zePAC (uNarius Moloto).

Ngethamsanqa bekukho amapolisa, athe ayikhapha yaphuma le nkokheli. Ingxaki bekuthiwe uMoloto angaya kwinkonzo kodwa angakhe alinge athethe okanye azenze inkokheli phaya.

Uthe esafika, zonke iikhamera zoonondaba zondela kuye, kulapho ke amalungu ePAC aphambane khona ngelithi ‘besithe lo mfo makathule ahlale phantsi qha, kutheni ethetha noonondaba ngoku?’

Babe ke bayamgxotha. Kuthe kwakufikwa ebaleni sabona zisuka ukuba amalungu ePAC soze awuyeke uqhubeke lo mngcwabo. Uphawu lokuqala ibe yinkqubo nenkcazelo yobomi bukamama uSobukwe.

Ibibhalwe kakuhle kodwa xa uqhaphelisisa belingekho igama lePAC kuyo yonke. Njani ukuba kubhalwe ngomntu kodwa umbutho wakhe angaveli nangotshengele kweso sibhalo. Okwesibini, uMphathiswa Nosiviwe Mapisa-Nqakula ibe ngumbhexeshi wenkqubo.

Khumbula ke ukuba ngoweANC yena. Kuthe gqi isicelo sokuba makancediswe ngumntu wePAC ekuqhubeni lo mngcwabo. Khange sihoywe eso sicelo.

Yaqala ke inkathazo. Amalungu ePAC afuna nokuba kususwe iflegi yoMzantsi Afrika kwibhokisi kamama, kubekwe eyePAC. Amalungu karhulumente, nosekela-mongameli weli, baphume baphela xa kunjalo. Asizokuthi ingxaki ibangelwe ngulo nalo lo, kodwa nanku umbuzo: Yintoni le ibangela ukuba abantsundu babe kanti bohluka kangaka?

Kutheni sisilwa kwasodwa nasemingcwabeni? Ibimbi la nto siyibone phaya kwaye inyanzelisa ukuba sikhe sicinge nzulu ngekamva lomanyano lwabantsundu kweli. Ingaze yenzeke lo nto?