Iza kuncediswa kulawulo iEnoch Mgijima

UMphathiswa weNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli uFikile Xasa

UZA KUFAKWA phantsi kolawulo lorhulumente wephondo uMasipala waseEnoch Mgijima ukusukela ngoMvulo umhla wesithathu kwinyanga yoMsintsi.


Ingxelo ephuma kwiSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli, ithi uMphathiswa weli Sebe uza kuba ekhokele igqiza lamagosa aza kwenza oku eKomani ngoMvulo.


Othethe egameni lela sebe uMamkeli Ngam uthi oku kwenziwa kuhambelana nesigqibo sebhunga eliphezulu kurhulumente weMpuma Koloni.


“Ngomhla wokuqala kule nyanga yeThupha kwathathwa isigqibo yiPalamente yePhondo sokuba umasipala waseEnoch Mgijima ufakwe phantsi kolawulo ngokuhambelana nesolotya lekhulu namashumi amathathu anesithoba lomgaqosiseko,” ucacise watsho uNgam. 


UMasipala waseEnoch Mgijima ugagene neengxaki ezibangele ukuba kwenziwe inguqu kulawulo, eziquka ukutshintshwa koSodolophu kungena uSodolophu omtsha uSisisi Tolashe. 


Ekuqaleni kwalo nyaka kuthinjwe izixhobo zalo masipala ngenxa yokuba engakwazi kuhlawula imali yenkampani zenjineli, iingxaki zombane ohlala ungekho yenye yeengxaki zaseEnoch Mgijima.

 

UMasipala waseEnoch Mgijima wenziwa ngumasipala owayesakuba yiTsolwana, Nkwanca neLukhanji ezathi zadityaniswa. 


UNolubabalo Mhlaba ongumhlali, ozalelwe kwidolophu yaseKomani, uthi ingxaki zalo masipala zenziwa kukudityaniswa koomasipala abangekho kwinqanaba elilinganayo.


“Lo masipala akasokuze asebenze kuba apha kudityaniswe oomasipala abangadibaniyo, kuba iKomani ikwinqanaba elahlukileyo kwabanye aba ngokwemeko yezimali, abanamali abanye oomasipala apha, baxhomekeke kwiKomani, ngoku umthwalo mkhulu kwidolophu enye, ilapho ingxaki,”   ucacise watsho uMhlaba.

 

“Enye yeenjongo zoku iza kuba kukwazisa le nkqubo yolawulo lalo masipala, sikwachaza imiqathango eza kulandelwa logama kusenzeka oku.” .