Iza kwakhelwa inkosikazi yaseZwartwater

Buyelwa Bomela

Usomashishini waseKapa uBuyelwa Bomela unikezele ngoncedo lokwakha indlu yenkosikazi yakuQumbu eZwartwater eCacadu, emva kokuba le nkosikazi iphume itshaya kwityala lokubulala indoda etyholwa ngokudlwengula umntwana wayo.

Ingxelo ithi lo somashishini wenza oku nangona kukho abathile bezopolitiko kweli leMpuma Koloni abalugragramelayo olu ncedo, besithi le nkosikazi mayingalamkeli.

UBomela uncokole neli phephandaba malunga noku, esithi akabuyi ngamva uza kuyinceda le nkosikazi.

“Andiceli gunya lamntu ukuze ndincede lo mama, umntu ongafuni ndincede apha makazixhome, ndizakumnceda, sele ndizithengile izinto zokwakha, andisoze ndibuze mntwini, bebehleli phi ukuba umntu aphile kabuhlungu kangaka,” uthethe watsho uBomela.

Ukanti lo mama unikwa uncedo naye uvakalise ukonwaba lolu ncedo xa ebethetha neli phephandaba. “Andikwazi nokuthetha kukuvuya uThixo unam ngenene, ndiyavuya kuba abantu bavula izandla bendinceda, ndiyabulela,” uthethe watsho lo waseZwartwater.

Oligqwetha lalo mama uBuhle Tonise, uthi abanangxaki yokwamkela uncedo nokuba luvela kweliphi icala.

“Thina siyalamkela uncedo nokuba luza nabani, le nto yonke ayina nto yokwenza nezopolitiko, asingeni ndawo kwizinto zopolitiko,” uthethe watsho uTonise.

Eli gqwetha lincede lo mama kweli tyala ngaphandle kweendleko ngelizama ukubonisa inkxaso yalo.

“Siyavuya lolu ncedo luza nalo somashishini, yonke le nto yinxalenye yokutshintshwa kwempilo yalo mama, sivuya kakhulu,” uthethe watsho uTonisi.

Kukho iingxelo zokuba olu ncedo alamkeleki kuba layanyaniswa nombutho weDA ngabathile abakwizikhundla eziphezulu kweli leMpuma Koloni.

“Abandazi nokuba ndililungu leANC elipheleleyo, andina nto yokwenza nombutho weDA, andisoze ndicenge mntu xa ndifuna ukunceda umntu ohluphekayo,” uthethe watsho uBomela.

Lo kaBomela ngusomashishini ophume izandla eKapa nanjengoko enenye yeenkampani eziphambili zokuthutha inkunkuma.

“Zilishumi elinesine izigadla zam zokuthutha inkunkuma, ndinoonogada abangaphezu kwamakhulu amathathu, kudala ndanceda abantu andicengi zinkokeli zopolitiko xa ndisenza lo nto umthetho wam,” uvale ngelo uBomela.

Ityala lale nkosikazi belisenkundleni kamantyi eCacadu ngomhla wethoba kule nyanga, nalapho umantyi uMhlanga Bala athe walichitha ityala lokubulala, nokwenzakalisa ngakule nkosikazi.

Emva koko inkokeli zopolitiko eziquka oosodolophu ziye zangungelana kwiholo yedolophu zisenza iintetho ezibonisa inkxaso ngakulo mama waseZwartwater.