Izakuvulwa ngokusesikweni inyanga yamafa

Umphathiswa wezenkcubeko nenzululwazi uNathi Mthethwa Umfanekiso: GCIS

Umphathiswa
wesebe lenkcubeko nenzululwazi uNathi Mthethwa uzakuba evula ngokusesikweni
inyanga yezinto ezililifa lemveli eSophiatown eGoli ngomso. Elasebe lithi
kulonyaka lenyanga izakubhiyozelwa ngokunika imbeko abantu abadlale indima
ebalulekileyo ukusungula imizobo, ingoma, isinxibo, ukubhala nezinye ezililifa
kwintlalo yabantu boMzantsi Afrika. Ukubhiyozela izinto ezililifa nobantu
ngokubanzi abadlale indima kuyinxalenye yombono wokukhuthaza abantu ukuba
bazidle bazingce ngobu bona. Amagqala kwezenkcubeko umculo nenkolo anoxanduva
olubalulekileyo amele ukulidlala ukufundisa abo basakhulayo, itshilo lengxelo.

Kulomcimbi
kukwalindeleke ukuba umthethwa acacise inkqubo ende ezakulandelwa lisebe lakhe
noluntu loMzantsi Afrika ukuhlonipha izinto ezililifa kwintlalo yabantu.
Ukusukela ngonyaka ka 1994 ilizwe loMzantsi Afrika lamisela inyanga ka Septemba
nje ngenyanga yokubhiyozela izinto ezililifa kwintlalo yabantu boMzantsi
Afrika. Lenyanga idla ngokuba nemibhiyozo yomculo weli,imiboniso
yomabonakude,imizobo,impahla nokutya okwenziwa ngendlela zelizwe loMzantsi
Afrika.