Iziduko ezingabanisi bemvula

AbaNtsundu mandulo babeneendlela ezininzi zokucela imvula kukhona nabantu abaziwa ngokuba namandla okunisa imvula.

AmaKhwetshube: Esi sizwe samaKhwetshube kuthiwa savela mandulo kwisizwe sabaThwa. Mandulo kuthiwa izizwe ezazisetyenziswa ngamaMpondo ekukhongeni imvula yayizizizwe zabangeneleli, ingengawo amaMpondo omthonyama.

Ngethuba lembalela amaMpondo ayekholelwa ekuthini kufuneka ikumkani yesizwe samaMpondo iyalele ukuba kuyiwe kucelwa imvula kwingcwaba likaMhlanga elisesiPhaqeni kule ndawo namhlanje kuthiwa yi’Holy Cross.’

AmaKhwetshube ke aziwa ngokuba ngabakhongi bemvula, ngawo ethi ikumkani ithumele ilizwi kuwo lokuba azise esizweni usuku ekuya kuthi kukhongwe ngalo imvula. AmaKhwetshube athi azihlambe ngeyeza ekuthiwa sisihlambezo, xa eza kuya kukhonga imvula.

Kuthi ke ngaloo mhla utyunjiweyo baphume bonke abantu basemaMpondweni, nabaphi phi phi baze kukhonga. Ngeli xesha ke banxibe izivatho zabo zakudala.

Ingwevu endala yasemaKhwetshubeni ithi ithethe namathongo akwaMhlanga ngohlobo olumbombayo, kwakhona ikwayihlonipha imvula ecelwayo, ithi: “Size kucela umbethe, kukhululwe iintsapho zifile. Asazi ukuba senzeni na singanikwa nje umbethe, nifuna sife yindlala?

Ukufa kwenu umbethe wawukhona, niwubambele ntoni ke ngoku, nifuna intsapho yenu ife itshabalale na?

Emva kokuba kwenziwe isiko lokukhonga imvula ngamaKhwetshube kuthiwa kwakusina imvula enkulu, eyayisina kugcwale imilambo, eyayilitsho ilizwe lihlambeke libe yintombazana.

Baqale abantu basemaMpondweni balime izilimo zesiNtu ezityiwa emaMpondweni. Baqale balime umbona, balime izimba, balime iimbotyi ezizintlumayo, ezingqoqo, ezimdaka neendlubu, balime usenza, balime imfe, balime ithanga elimhlophe, balime usolontsi, balime umxoxozi, balime amadumbe, balime imfe, nezinye izinto ezixatyisiweyo emaMpondweni.

Xa bethuthwa ooKhwetshube, kuthiwa: Khwetshube ndikhwetshe undive apho ndimnandi khona, Kuba nezinja ziyakhwetshana, Xhegweni, Xhanga ndixhalele, Thamsanqa, Mabhude, Nyandube, Hlezinkomo, Njenjane, Maphini, Ntombi yakuloHewukazi, Umth’olal’intakazana xa zingalalang’ekhaya, Azi ukuba ziyolala phi na iintakazana, Amadobo etshile nje?

AmaMvulane: AmaMvulane la yindlu yasekunene yamaVundle, kanti abanye ababalisi bathi amaMvulane aliqadi likaVundle. Aba bantu baphuma kubaFukweni eLesuthu.

Kuthiwa elo le ntaba balishiya abanye baya kungena emaHlubini, abanye ebaThenjini, abanye emaXhoseni. Kuthiwa athe amaVundle sele eseMthatha kwakho umlo phakathi kwenkulu kaVundle uBhayi nokunene kukaVundle uNcilashe.

UNcilashe neqela lakhe awaya nalo ebaThenjini wafika wawaxelela ukuba wachithwa kowabo ngemvulana yethafa. Wamkelwa waze wanikwa umsebenzi wokuba ngumhlabi weenkomo ezixhelelwa iziganeko nezici ezidibene nemvula. Nentsikizi xa ithe yabanjwa mhla ngembalela bekuthunyelwa amaMvulane ukuba aye kuyifihla esizibeni ukuze kune imvula.

Kuthiwa xa ebongwa:Mvulane, Bhayi kaKhetshe, Msuthu, Mfukweni, Ncilashe, Sisihlahla somthi umlungu-mabele, Abasigawula sinqind’amazembe, AmaMvulane akagidanga mhlana aluka, Ath’ihasa lisisidonqa, Alibala kukushwabula!

AmaMbotho: AmaMbotho la aphuma kwisizwe samaTolo esasimi phezu komlambo iMpofane. Aba bantu bathi bazimanya nesizwe samaZotsho kaMthwana ngolu hlobo:

Kuthiwa kuthe ngexesha leemfazwe zikaShaka wamaZulu abazali bakaMbotho babulawa ngakumlambo iMpofane kuba betyholwa ngokuba ngabo ababalelisa ilanga ngokuthi banqande imvula ingani, kodwa benobugqi bokuyenza ine.

UMbotho nodadewabo uMyalwana okwaliwele lakhe babaleka baze basinda ekubulaweni. Bobabini babalekela kwisizwe semiThwana esathi sabakhusela.

Aba bantu babini uMbotho noMyalwana bathi babhaqwa ukuba banamandla angaqhelekanga obugqi bokunisa imvula.

Ngenxa yeso sizathu uMbotho wahlonitshwa waze wendiselwa intombi enkulu, umafungwashe wenkosi yemiThwana uNkosi uNjilo. UMbotho akazange alotyoliswe likomkhulu labaThwana kuba enala mandla okunisa imvula. Emva kwalo mfazi uMbotho wazeka amanye amaqadi kwatsho kwavela isizwe samaMbotho.

UMyalwana naye wazekwa yenye yeenkosi zemiThwana yaze inzala yakhe kwathiwa ngamaYalo. Zozibini ezi zizwe amaMbotho namaYalo ngabanisi bemvula.

Kuthiwa xa bebongwa: Zotsho, Somyalo, Mbotho, Zamana, Tshikilana, Toyana, Thikane, Sinis’ into yosana, Mvula-nkulu, AmaZizana, Mtshikilana weTolo, Nkcunkcuza, Madiba wendonga zidilika, Umalandelwa yintombi ithi ndizeke, Isibasa manzini kuvuthe umlilo, Nt’edliwayo, Mlambo awuwelwa, Uwelwa ziinkonjane kuphela!

Enye inkosi yaba bantu bangamaZotsho kuthiwa yayingu: Mlotsha kaNciya, kaMazama, kaMpula, kaMbotho, kaMtshikilana weTolo.

AmaYalo: UMyalwana ngudade boMbotho wazekwa yenye yeenkosi zemiThwana yaze inzala yakhe kwathiwa ngamaYalo.

UNdamase V.P. kwincwadi yakhe ethi, ‘Ibali LamaMpondo,’ uthetha uthi ngoYalo nemvula, “Ukuba ke imvula ayide ine inkosi ibide ithumele inkomo emnyama kumnisi obeba nguThonga eNyandeni, umntu wasemaYalweni, inguDaza eQawukeni kwa iYalo.

Ubethi ke yena bakufika abafo baKomkhulu aye kuzivalela endlini, ephiwa ukudla yintombi yakhe kuphela. Athi ke akuphuma endlini, emva kweentsuku ezithile abaxelele abafo baKomkhulu ukuba mabagoduke, esithi baya kufika ngemvula ekhaya, kungenjalo iya kuna kwakwiintsuku ezikufuphi.