Iziduko saziyekiswa ngumona wabaNtsundu

Ndithi mandilenze elabadala elithi umntu xa ethetha unikwa indlebe. Xa ndisenjenjalo ke ndizama ukuphendula umthandi nomfundi wephephandaba I’solezwe lesiXhosa obebhale esithi, ‘Uphi uMnu uMakuliwe?’.

Eliyinyaniso leli, lo mntu kuthiwa nguMakuliwe usaphila, ephila nje usawabhalela onke amaphephandaba aqhele ukukhupha kuwo amanqaku xa kukho imfuneko yoko, kuquka neli silibize ngasentla. Kwaye usavela nakoonomathotholo aqhele ukuvela kubo. Qha, into esingasabhali ngayo, nesingasaveli ngayo ngoku ngumba weziduko, ngenxa yeziphazamiso ezininzi.

Umba weziduko awukho phantsi kwezandla zam, uphantsi kwenkampani ezimeleyo nekuyiyo ehlawulela iindleko zokuphanda, ukuqokelela ndawonye nokuhlalutya iziduko. Iinjongo zayo eziphambili ibikukuqokelela iphinde ibuyisele felefele wonke loo msebenzi kubantu bakowethu abaNtsundu ngeenjongo zokubakha nokubafundisa.

Eli phulo lalijongene nokwakushunyayelwa ngubawo ongasekhoyo uNelson Mandela lokuxolelanisa zonke iintlanga zoMzantsi Afrika. Laphinda lakhuthazwa ngubawo uThabo Mbeki xa wayethetha ngebuyambo yobuAfrika.

Ngenene nenyaniso eli phulo lakuphumeza oko kwashunyayelwa zezi zangxa zeenkokheli. Isihlava kulo msebenzi savuswa yiYunivesithi yaseRhodes eMakhanda eyathi yathenga iincwadi zam ezininzi yaza yaziveza kwi-intanethi.

Ithala leencwadi lakhona laphinda lathetha ngalo msebenzi weziduko kwiinkomfa zeencwadi liwuncoma njengowona msebenzi omhle kakhulu.

Enye into eyanwenwisa le nkathazo yaba kukuvela komhlohli othile womLungu oyiprofesa (Senior Professor) owahlanganisa iiyunivesithi, (endizaziyo zazintathu eMpuma Koloni, nenye eNtshona Koloni) esithi mandize nalo msebenzi wam kusuku olwalutyunjiwe, apho ndandiza kuhlanganyelwa khe ndicokisiswe, ndibuzwa, ndiphicothwa ziingcali eziphuma kumasebe ngamasebe aseziyunivesithi.

Lo msebenzi wayewuncoma kuba ingowokuqala wesiXhosa (emva kwemisebenzi kaS.E.K. Mqhayi) ukuvuselela abantu abaNtsundu abatyholwa ngokungathandi ukufunda iincwadi.

UmLungu wabantu wandicebisa ememelela ukuba ndixele, ndithethe inyaniso ngendlela endiwenza ngayo, imingeni, nenkxaso yabantu kulo msebenzi. Esitsho ukuba ukwenza njalo kwakuba luncedo ekuvuseleleni uphando olutsha ngentlalo yoMzantsi Afrika. Enyanisile umLungu.

Le nto ndiyithethayo asibobuxoki mhla ndandihlangene nesi sifundiswa kwenye yeehotele zaseMthatha, wayekhona umhlobo wam uMnu. Thukela Phoswayo oyimbongi nosisisele senyathi kwimbali yezizwe zamaXhosa. Kwakhona safowuna nesinye isangxa somhlohli oNtsundu oyi (Senior Professor) kwiyunivesithi yaseNtshona Koloni ehlaba eli khwelo linye lalo mLungu.

Into eyenzekayo yaba kukufumana kwam umyalezo othi olo suku lujikiwe lwakubuya laziswe. Yaba nguphela ngantsomi.

Emva koko ndamana ukuhlangana nabantu abandilumkisayo ngabeLungu abaqhatha abantu abeba izinto eziphandwe ngabaNtsundu. Zazodwa izicelo zokuba mandisebenzisane neeyunivesithi ezithile ndincediswe kumba wophando, phofu endandingenangxaki nawo. Phando olo oselugqityiwe.

Enye into endamana ukuyiva ithethwa yindlela lo mLungu ayibhatyaza nangayazi ngayo imbali ayibhala ngabantu belizwe loMzantsi Afrika. Phofu kutsho bani? Kutsho abantu abangazi nowathwethwa ngokuphandwa nokubhalwa kwembali.

Enye into ekufuneka umhlobo wam ayiqwalasele kukuba abantu abaNtsundu bakowethu ingakumbi ngoku sele siphila impilo yesiLungu bagcwele inkohlakalo, umona, uchuku, ubusela nokuthanda imali nezikhundla. Abakhathali nokuba kungafa umntu ayokungcwatywa.

Zathi zakuvela kwikhompyutha iziduko kwaqala kwanda ubuxoki bokuba uMpumelelo Makuliwe unemali eninzi ayifumana ngokuthengisa iincwadi. Ndaqala ndanezothe ndasefwa andafunwa kwiintlanganiso neenkomfa ezingoncwadi.

Kwaxokwa kwathiwa ndiphethe umankankela wenkampani eyoyikekayo enkulu. Aqala andibaleka amaziko osasazo.

Nabanye abantu babona ukuba nabo mababalekele kwesi sisele salo vimba wegolide uziziduko. Baqala abanye baya koonomathotholo besiya kuxoxa ngalo mbandela; abanye babhala ezabo iincwadi. Kodwa inja ayavuthwa, azathengwa, abanye boyiswa yimibuzo sele bekoonomathotholo.

Isizathu ke apho sikhoyo luhlobo lwemfundo awafika wafundiswa yona umntu oNtsundu waseMzantsi Afrika ngumLungu oliNgesi. Laa nto yokubhalelwa ii ‘notes” ebhodini, aze umntu akhuphele, emva koko ankqaye, okanye akope kwiphetshana ekuthiwa yigqiza (isikirane). Bona balwa umsebenzi wam kufuneka bekope kwakuwo, baphinde bamonele kwamna.

Inkampani endincedayo yagqiba ekuthini mayandise imiqulu yeencwadi zeziduko ibe mikhulu kakhulu ukuze amasela oyiswe kukuyifunda angakwazi nokuyihlawula. Yaphinda yathi mandingabonakali nakumaphephandaba nakoonomathotholo. Sifuna nje kucace poqo ukuba ngubani kanti owaziyo lo msebenzi weziduko. Yiloo ngxaki ke ngoku ubona abantu bengathi bayabuya nje. Kulele inkomo isengwa.

Elokugqibela, nabani na ofuna ukusebenza nathi ngeenjongo ezintle ingekuko ukunyoluka siyasebenzisana naye.