Iziko lezemidlalo leR40-million kuGatyana

Usodolophu waseMbhashe uSamkelo JandaUmfanekiso: Anele Raziya

UMasipala waseMbhashe eDutywa kulindeleke ukuba usebenzise imali engangezigidi ezingamashumi amane (40 Million) ukwakha iziko lezemidlalo (Sport Facility) kwidolophu yakuGatyane.

Eli ziko lemidlalo lizakuthatha iminyaka emihlanu ukwakhiwa kwalo ngenxeni yokuba lizakwakhiwa ngokwezigaba zoonyaka mali kwaye kuzakudlalelwa imidlalo entlobo ntlobo kulo. Kutsho usodolophu waloMasipala uSamkelo Janda, ephethula isoyi kwidolophu yakuGatyane ngoLwesithathu.

UJanda ethetha nabahlali uthe “Silindele ukuba le projekthi yokwakhiwa kweli ziko lezemidlalo ukuba ivelise amathuba engqesho ingakumbi kulutsha lwaseMbhashe.” Indawo yakuGatyane ifudula ingenalo ibala elisemngangathweni apho kunokwazeka ukuba kusindlekwe amanye amaqela aphume kwezinye iindawo xa kukho itumente ezinkulu.

“Ngokwakha eli ziko lezemidlalo sifuna ukwazi ukukhweba namanye amaqela angaphandle eMbhashe ukuba azokudlala apha ukuze sikhulise noqoqosho lwethu,” uqhube watsho.

Enye yezinto athi uJanda bafuna ukuyiphelisa ngokwakha eli ziko zizenzo zolwaphulo mthetho, kuba ngokweenkcukacha-manani abantu abaninzi eMbhashe lulutsha ngomyinge oqikelelwa ku70%.

Uthi ngokwakha iziko lemidlalo bazama ukurhweba ulutsha kwiziyobisi nakwiindawo zentselo ukuze luzimanye nemidlalo kuphela, kuba uninzi lwalo luhleli alwenzi nto, nto leyo enokuba nefuthe kwizenzo zolwaphulo mthetho xa luhleli nje emakhaya.

Le projekthi kulindeleke ukuba igqitywe ukwakhiwa ngonyaka ka2020 ngokwesicwangciso sebhunga likaMasipala waseMbhashe kwaye sele kuchongwe nekontilakha ezakwenza umsebenzi.