Izikrelemnqa zixhele iibhokhwe zoboya bexabiso

Icandelo lophando ngamatyala okubiwa kwemfuyo eTinarha licel’ uncedo eluntwini emva kokubiwa kwamathokazi ebhokhwe angamashumi amathathu eKirkwood emva koko axhelwa, afakwa kwisithuthi.

La mathokazi ngawohlobo lweAngora, uhlobo lwebhokhwe evelisa uboya bexabiso obaziwa njengeMohair.

Isithethi samapolisa aseTinarha uKapteni Gerda Swart uthi eli sikizi lenzeke ngoqhizi wangoMvulo kule veki.

USwart uthi abenzi beli sikizi bazixhelele kufuphi nale fama ezibhokhwe emva koko bazifaka kwisithuthi baphela enyanyeni. “Omnye wabasebenzi bale fama ubone ngentseni yangoMvulo ukuba kuqhekezwe iqhaga lesango lefama,” utshilo uSwart.

Lo kaSwart uthi zizonke ezibhokhwe zixabisa imali engamawaka angamashumi amane anesihlanu eerandi (R45 000).

“Sicela naye nawuphi na umntu waseMpuma Koloni obone inyama ayikrokrela ukuba yeyezibhokhwe aqhakamshelane namapolisa akufuphi naye okanye atsalele umnxeba kumcuphi weli tyala uWarrant Officer Mario van der Westhuizen kule nombolo: 079 896 9521,” kubongoza uSwart.