Izilwanyana ezinkulu ezintlanu eSibuya

Impala yaseSibuya

ISibuya indawo yomdlalo nokugcina izilwanyana zasendle, seyineminyaka elishumi elinesihlanu isebenza. Le ndawo igudl’ unxweme kwihlathi laseKenton On Sea, nezinze phakathi kweBhayi neCawa kwiphondo iMpuma Koloni.

Ayivamanga kuphela ngokugcina izilwanyana zasendle ezifana neengonyama, iindlovu, iirhino, amaqhude, iimpala, iinciniba, iizebra, iipikoko njalo-njalo, kodwa iye ikuhambise ngesikhephe phezu komlambo iKariga onobude obulingana nekhulu elinamashumi amathandathu anesithandathu eekhilomitha.

Ezinye zemidlalo eyenziwa kule ndawo kubalula, ukukhwela amahashe, ukuqubha, ukuhamba ehlathini nokuloba iintlanzi.

Umphathi walo mzi uChris Oven uqinisekise ngempatho yabasebenzi bale ndawo esithi baqeqeshwe ngokugqibeleleyo, bakushiya umunc’ iintupha ngenxa yokutya abakuphekayo, indlela yokusebenzisana nabantu nezilwanyana.

ISibuya Game Reserve yamkela umthamo wabantu abangamashumi amane anesithandathu, kwiinkampu zabo ezintathu, iRiver Camp, Forest Camp kwakunye neBush Camp.