Izimvo: iinkosi zikhona naseKapa

UZanoxolo (Ah!), Dubulingwe (Ah!), Gwebindlala (Ah!), noNobantu (Ah!) eKhayelitsha kumnyhadala weCalabash Words on Wings Storytelling and Maskandi Festival ngoMgqibelo.

Xa ndiza kuphawula ngomba wezi inkosi zaseKapa phantsi koNkosi Mali Hoza, kufuneka abantu bazi ukuba, umba wembali yelizwe loMzantsi Afrika ngumba oshushu nonzima, noseza kuba yingxaki ngenxa yokungquzulana phakathi kooSolwazi phaya kwiiyunivesithi zethu zoMzantsi Afrika.

Ilizwe loMzantsi Afrika linelifa elibi lokonyelisana kwabantu: kuthiwe umntu ukhwele ecingweni; kuthiwe umntu uyathengisa; kuthiwe umntu yimpimpi; kuthiwe usetyenziswa ngamaBhulu, njalo njalo. Umntu akamkeleki xa emele uluvo lwakhe, kubakho izinyembo.

Phaya kula maziko emfundo nafanele ukuba ngookhala abakhokhelayo kumba wokubhalwa kwembali, kusagquba umba wobuhlanga wokujongana ngezikhondo zamehlo phakathi kweengcali eziMhlophe neziNtsundu; kusagquba umba wokudelelana phakathi kweengcali eziNtsundu ngezinyeliso zokuba abanye babekwe nje ngurhulumente ophetheyo bengakwazi ukukhokhela kwimiba yophando.

Ukuxoxa ngembali yeli lizwe kunelo lishwa lalomingeni.

Xa ndingena emxholweni ndingalitsho elokuba indaba yokubakho kolawulo lweenkosi ezidolophini, kwilokishi ezihlala abantu abaMnyama eMzantsi Afrika asiyonto intsha. Le nto yaqala kudala phaya kowe-1958, ukususela ekubeni iinkosi ezilalini kumaphandle zathi zanikelwa amagunya okuthetha amatyala nokukhuthaza amasiko nezithethe, kwiindawo ezihlala abantu ezibaphetheyo.

Kuthe ngowe-1961 owayeyinkulumbuso yoMzantsi Afrika uGqirha Hendrik Verwoerd ngokuphawula ukuba abantu abaNtsundu abakwazi kohlukana neziseko zenkcubeko yabo ezinjengobukhosi nokukholelwa kumagqirha, wazivumela iinkosi ezilalini ukuba zifumane iincwadi koomantyi zingene ezidolophini ziye kumisela abantu abaza kuba ngabameli bazo, bebizwa abo bameli ngokuba ziinkosi.

Ukususela ngoko ke iinkosi zezizwe ngezizwe umzekelo ezaseCiskei nezaseTranskei; ezamaMfengu, ezamaXhosa, ezamaMpondo, ezamaMpondomise, ezamaXesibe, ezamaQwathi, ndibala ntoni na. Zonke izizwe zatyala abantu bokuzimela kuzo zonke idolophu zoMzantsi Afrika.

Le yenye yezinto ezidale ukuba ubukhosi bungafi ezidolophini. Aba bantu babehambisana nobukhosi bathi abafunwa yimibutho yomzabalazo ezidolophini kusithiwa bahambisana ne ‘system’, bayathengisa. Ibali elicacileyo lokuhlalisana kakubi lelo mfo owayengummeli kaNkosi Kaiser Matanzima eMonti uJJ. Matotie nelikaNkosi Inkie Hoyi waseCiskei owayengumhlali eDuncan Village eMonti.

Xa ndisiza kumba wokuba ngaba olu lawulo lweenkosi luza kuphumelela na eKapa. Ndingalitsho elokuba umba wobukhosi ngumba onzima kuba uRhulumente olawula ucinge ukuba ngumba olula ukohlukana nawo.

Lo mba awuzukuba lula kuba olu lawulo lweenkosi lwangena ezidolophini kudala abantu baluqhelile, kangangokuba omnye umbhali xa ebalisa ngendawo yaseDistrict Six eKapa ukhumbula ukuba kulapho babenxiba izinto zesiNtu bekhumbula isikhumbuzo sokufika kwamaMfengu eNgqushwa.

Imeko yobukhosi ayifuni bupolitiko ifuna ukuhlalewa ziingcali eziza kuphanda ngembali yelizwe loMzantsi Afrika zingenasheyi lokuba le mayishiyelelwe ingabhalwa phantsi, le mayingashiywa.

Kuseza kuphinde kwenzeke laa nto ifana neyobukhosi bamaRharhabe ekuchithwe ixesha elininzi neemali ezinkulu kuphikiswana ngento ekhoyo. Umbuzo ngowokuba kuza kuba lula na ukudiliza iziseko zezinto abaziqhelileyo abantu.

Akukho lula ukususa abantu kumasiko nezithethe zabo njengokuba sele beqalisile ukuxhela iimbeleko nokwenza amadini ezidolophini kwindawo zabeLungu.

Enye ke ingxaki imibutho yopolitiko yonke enesininzi sabantu abaNtsundu eMzantsi Afrika isiseko sayo sisuka kwiAfrican National Congress, nayo ekufuneka inento enkulu eyiqwalaselayo, eyokuba ilusana longquzulwano phakathi kwabeLungu abangamaNgesi baseMelika nabemi baseMelika abangamaNegro ababengamakhoboka awathatyathwa ngabeLungu eAfrika, kwanongquzulwano phakathi kwesizwe sabeBala saseMelika.

Uluvo lokusekwa koMbutho weSizwe seza eMzantsi Afrika nabafundi ababesuka eMelika ooDube, nooSeme, abangazange bayiqwalaselwa iindawo yezithethe namasiko, xa bewuseka, kuba iinkokheli zamaNegro ababebukele kuzo ezazikhokhela idabi lentshukumo ekuthiwa yi ‘Negritude’ lokukhulula umntu oMnyama eMelika zazingenaziseko zamasiko, babengenaziduko bengenawo namagama angawabo besebenzisa amagama oobhasi babo.

Sinengxaki ke ngoku yelo lifa.