“Izisele sisihogo sasemhlabeni.”

Amagosa aphuma kumasebe karhulumente, ekunye nabafundi kwiphulo lokulwa iziyobisi, nezinye iindlela zolwaphulo mthetho. Umfanekiso: Umbhali Wethu

“Izisele sisihogo sasemhlabeni.” Lawo ngamazwi kaMziwokholo
Pikwa obemele isebe lezoluleko kwiphulo lokulwa ukusetyenziswa kweziyobisi
notywala ebelisingathwe ngamagosa karhulumente kuNtabankulu.

Eli phulo liququzelelwa ngamapolisa akuNtabankulu ebambisene
namasebe aquka elezeMfundo, elozobuLungiswa kwakunye noLuleko, elezeMpilo, neloPhuhliso
loluntu ekuhlaleni.

Ngamakhulukhulu olutsha, nabafundi ebeberhwetyelwe
kweli phulo, kumsitho ububanjelwe kwiholo yetyalike yamaWisile, nabafumene
amathuba okuzibuzela imibuzo kula magosa.

Amagosa esebe lezoluleko anike ithuba kumabanjwa
aselula ukuba atyebisele olu lutsha ngobomi basentolongweni, kwanezinto
ezikhokelela kulwaphulo mthetho.

Ibanjwa uSinethemba Nolamla owagwetywa ngo-2012
uthe utywala neziyobisi ngabalahlekisi abakhulu bolutsha. UNolamla wabanjwa
emva kokuqhekeza, nokudlwengula, kwaye uthi konke oko wakwenza ephantsi
kweempembelelo zeziyobisi eziquka intsangu, kwakunye notywala enabahlobo bakhe.

Ukwathe uyazisola ngokudelela iimfundiso zabazali
athembe abahlobo kuba ngoku ubomi bakhe bohlala bunechaphaza lobugebengu.

UPikwa uchazele ulutsha ukuba ngabo bengamagosa
abalawula impilo yomntu oseluvalelweni ngokokulandela umthetho. Ukwathe xa
useluvalelweni awunamalungelo nakuzithathela izigqibo de ugqibe isigwebo.

Obethethela amapolisa uConstable  Kwanda Sicongweni uthe  iNtabankulu
igutyungelwe kakhulu lulutsha, nabantwana besikolo abasebenzisa iziyobisi,
nezinye iindlela zolwaphulo mthetho.

Uthe abantwana bathengisiswa iziyobisi ngabantu
abadala kwaye ngabo abathe dyumpu kwiindywala nolwaphulo mthetho. Uchaze 
eli phulo ngelithi lizama ukunqanda nokufundisa
ngezintlobontlobo zolwaphulo mthetho kunye neziphumo zalo.

Obethethela isebe lezophuhliso loluntu uXola Ponoyi
uthe nangona eli sebe libakhusela abantwana, aliwujiki umthetho kwabo
babandakanyeka kwizenzo zolwaphulo mthetho. 
Ubongoze ulutsha ukuba lingazibandakanyi neziyobisi
nezinye izenzo zolwaphulo mthetho.