Konakele!

Khawukhe ube nomfanekiso-ngqondweni wabantwana abancinci abathathu bebukele utata wabo exhaxha umama wabo ngemela.

Ube nombono womntwana oneminyaka elishumi elinesibini, ezama ukuvusa loo mama ubhubhileyo. Kugcwele igazi yonke nje indawo. Libali lethu elinkqenkqeza phambili kweli lale veki.

Ikhona nje into eyophukileyo kuthi bantu. Konakele. Kudala sibhala ngeziganeko zokudlwengulwa nokubulawa kwabantwana nabasetyhini ngabantu ababaziyo ke phofu.

Kutheni kuthe cwaka kangaka kurhulumente ngezi ziganeko? Ingaba kungokuba akukho nto ingako banokuyenza?

Mhlawumbi sifikelele kwixesha apho kufuneka khe sime nje kancinci ngezi nkqubo zokuvuselela izidima zabantu ngemali okanye ngemizi okanye ngezolimo. Sime ngxi. Sime nangezi zikhumbuzo zingapheliyo namatheko okubhiyozela le, na le kwimbali yethu. Noko, imbali yona iyakuhlala ihleli, ikhona. Kodwa uNgoku lo siphila kuye namhlanje sinako ukumtshintsha.

Thina, siliphepha lesiXhosa sizibona njengephepha labantu, kuqala. Ewe, kuninzi okuqhubeka kwezepolitiki napha epalamente; kufunwa ukuncitshiswa inani lamaphondo aseMzantsi Afrika, kukho ooBrian Molefe abaphinde babuyela kooEskom, kukho ooMongameli Zuma ekufunwa agxothwe ngabanye, kukho izishiqi zooMalusi Gigaba nooJeff (uThamsanqa lo ukumzobo wanamhlanje) Radebe, nezinye. Siqinisekile ukuba zona ezi sele uzisengile kunomathotholo okanye kwiindaba zikamabonakude.

Eyethu indima kukungena kumakhaya abantu bakuthi, kukuveza intlalo yabantu bakuthi nokuqinisekisa ukuba nawabo amazwi nezikhalo zabo ziyavakala kwiqonga lesihoyo lemihla ngemihla loMzantsi Afrika.

Ayipheli iveki singakhange sithi thaca ibali elixhela umphefumlo, elidibene nentlalo yabantu bakuthi. NgoMvulo, umhla we-29 kuCanzibe, singena kwiveki yokhuseleko lwabantwana.

Cinga ngaba bantwana baseQumrha babukele umzali exhelwa. Cinga nangabanye abantwana ababulawayo, abadlwengulwayo nabazikhulisayo.

Usakucinga ngoko uhlale phantsi usithumele iingcebiso zakho. Makuthini ukuze kulunge?

Ungazithumela ku isibhalo@inl.co.za okanye ngoWhatsapp ku 063 743 9538. Sakuzipapasha.