Kubhaqwe intsangu ebisuka eNgqeleni

Kubanjwe amadoda mabini elokishi yaseMsobomvu eGcuwa nabhaqwe eshishina ngentsangu. Aba barhanelwa babanjwe ngeCawe kuhola wendlela uN2 phakathi kweGcuwa neDutywa.

Ngokweengxelo zamapolisa aba barhanelwa bebesukoyilanda kwidolophu yaseNgqeleni le ntsangu beyoyithengisa kumatyotyombe aseSkiet eGcuwa.

Babanjwe beqhuba ibhaki eluhlobo lwe-Isuzu phambi kokuba bangene kwidolophu yaseGcuwa.

Amapolisa acele ukuyijonga le moto bafumana iingxowa ezimnyama ezine ezigcwele qhu yintsangu.

Le ntsangu ixabisa iR31 000. Balindeleke ukuba bavele kwiinkundla zamatyala aseGcuwa kwalapha evekini.