Kubhaqwe umzimba wendoda eGcuwa

Amapolisa aseMsobomvu eGcuwa abongoza kubahlali bala ndawo ukuba beze ngaphambili kwisikhululo samapolisa ukuya kufanisa umzimba wendoda obhaqwe ngoLwesibini ngezithuba zentsimbi yokuqala kwihlathi lakuMagalakangqa ngaseGcuwa.

Iingxelo eziphuma kumapolisa zithi, lo mzimba ubhaqwe ngumhlali wala lali noye wabikela amapolisa aseMsobomvu.

Ixhoba belinxibe ijezi emhlophe enemibala eneyivi umbala webhulukhwe wona umnyama. Ubuso kunzima ukububona ukuba ngubani kuba sele onakele.

Amapolisa avule ityala ayaphanda. Olahlekelwe sisihlobo sakhe uyabongozwa atsalele uConstable Mamela Tshukutshela ku: 079 190 8304.