Kubhiyozelwa ukuzalwa kukaZwelonke

IKumkani yamaXhosa uMpendulo Zwelonke Sigcawu edlala igalufa eWest Bank Golf Club eMonti UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

“NDITHE ndakucinga ngemisitho ehlelelwe ukubhiyozela iminyaka yam engamashumi amahlanu, ndacinga ngesizwe sam esidada kwintlupheko nendlala.”

Oku kuthethwe nguKumkani Mpendulo Zwelonke Sigcawu, wamaXhosa, xa kanye isizwe sikaPhalo singena ngokusesikweni kwimibhiyozo yokugqiba iminyaka engamashumi amahlanu wazalwayo unyana kaKumkani Xolilizwe Sigcawu.

Izolo iindwalutho ezihlonitshiweyo, ukusuka kwabezoshishino ukuya kwabezopolitiko, bezidibene eMonti ukubhiyoza neKumkani.

“Andingomntu uthanda ukubhiyozela umhla wokuzalwa, kodwa kulo nyaka ndiqonde ukuba xa ndigqiba iminyaka engamashumi amahlanu mandibhiyoze nesizwe sam,” utshilo uSigcawu.

Ukubhiyozela ukuzalwa kukaKumkani, unyaka ka2018 ubekelwe bucala ukwenza amaphulo aza kushiya umzila kubantu besizwe sale Kumkani, abizwa njengeKing Zwelonke Legacy Projects.

Isizwe sakwaXhosa, siza kufumana ukubhiyoza neKumkani ngomhla wamashumi amabini ananye eNqadu kuGatyana, apho le Kumkani iza kondlala ngokusesikweni inkqubo yonyaka equka amaphulo okuhlangula abantu bayo endlaleni.

KweyeSilimela, uSigcawu uza kutyelela eNgilane ngenjongo zokuya kubamba indibano neKumkanikazi yamaNgesi uElizabeth wesibini.

“AmaNgesi abulala uKumkani uHintsa, ngoko ke sifuna ukuya phaya sibone ukuba singabakha njani ubudlelwane namakomkhulu aphaya,” kutsho uNkosi Xolile Ndevu, osondeleyo kwimiba echaphazela uKumkani.

UHintsa wabhubhela ngakulo mlambo waseNqabarha ngo1835 emva kokudutyulwa nguGeorge Southey, ipolisa elimhlophe alalikhokele umkhosi ofuthwe ngamaBhritane uphehluzelisa isizwe esintsundu kumhlaba waso. Intloko yakhe kuvakala ukuba yathathwa yasiwa eBhritane njengophawu lokoyiswa kwamaXhosa.

Ukanti ngoLwesibini uZwelonke ebedlala igalufa eWest Bank Golf Club eMonti, kwiinzame zokukhulisa ingxowamali yakhe ukuze aphuhlise isizwe.

Lo mdlalo wegalufa ubuzinyaswe ngabadlali abaziwayo kule ngingqi kuquka noPutco Mafani.