Kubhubhe isibini kwingozi eGcuwa

KUBHUBHE abantu ababini ngethuba imoto ebebehamba ngayo ingqubana okweenkunzi zegusha nenye imoto kuhola wendlela uN2 phakathi koNdabakazi nedolophu yaseGcuwa ngoMgqibelo.

Isithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha uthi, le ngozi yenzeke ngecala emva kwentsimbi yeshumi ngokuhlwa, kwaye ibandakanye iimoto zohlobo lwebhaki.

“Umqhubi wenye imoto kwanomntu ebekhwele naye babhubhe ngoko nangoko, logama umqhubi wenye imoto eleqiselwe kwisibhedlele saseGcuwa enamanxeba kumzimba ongentla,” utshilo uManatha.

Amagama abo bathe babhubha ebesagciniwe ngamapolisa de kwaziswe izizalwana.

UManatha uthi nobangela wale ngozi ubungekaziwa. Amapolisa aqhuba uphando.