Kubhubhe isixhenxe kumalangatye emoto

Kusweleke abantu abasixhenxe ngoko nangoko kwindlela ephakathi kweKatikati neKomani izolo emva kokuba bathe batsha kwisithuthi sohlobo lwe-Avanza.

Iingxelo zithi le-Avanza ingqubene okweenkunzi zegusha nesithuthi esincinci, emva koko yakhalala umgaqo. Isithethi sesebe lezempilo uSizwe Kupelo uthi isine kwaba batshileyo asinakufaniswa kuba sitshe saluthuthu.

Nangona ungacaci ncakasana unobangela wale ngozi, amagosa arhanela ukuba ukuqhuba ngesantya esiphezulu, kuko okungunobangela.

UKupelo uthi abantu abathandathu kule ngozi bathe basiwa esibhedlele. Kusenjalo kunyanzeleke ukuba uvalwe okwethutyana uhola wendlela uN2 phakathi kommandla waseBhayi kwakunye neRhini izolo emveni kwengozi emasikizi ethe yenzeka malunga nentsimbi yeshumi kwindawo ebizwa njengeNanaga.

Abebedlula ngendlela ngakule ngozi bathi bame into engangeyure belinde ukuba kusuke inqwelo-moya ebibiziwe ukuzokuhlangula abo bangxwelerheke kule ngozi kwaye belinde nokuba kucoceke indlela bazokwazi ukudlula nanjengoko bebejongise eNtshona Koloni.

Iingxelo zithi, kuye kwangqubana iimoto ezimbini okweenkunzi zegusha. UKupelo uthi basixhenxe bebonke abantu abathe bachaphazeleka kule ngozi ngokumasikizi nabathe babalekiselwa esibhedlele yinqwelo-ntaka yesebe.

Akukhange kubekho mntu uphulukana nobomi bakhe kule ngozi.