Kubhubhe omnye umkhwetha kuQumbu

Abakhwetha eQunu ngowe-15 kweyoMnga ngo2013 Umfanekiso: REUTERS

Umkhwetha wesithathu kwabo batshe kwibhuma eseNtabasgogo kuQumbu ngeCawe ubhubhile, into ebeka kwisithathu abakhwetha ababhubhe kwesi sehlo sokutsha kwale bhuma.

 

Isithethi sesebe lezempilo eMpuma Koloni uSizwe Kupelo, uthi lo mkhwetha ubhubhele kwisibhedlele iNessie Knight kuQumbu ngentseni yangoMvulo.

 

Abakhwetha ababini babhubhe ngoko nangoko ngethuba kuqhambuka umlilo kule bhuma ngeCawe. UKupelo uthi abakhwetha abebekule bhuma bebengamashumi amabini anesithathu. Abanye kubo babalekiselwe kwisibhedlele iNelson Mandela Central eMthatha, logama abanye besanyangwa eNessie Knight.

 

Akucaci esona sizathu sibangele ukutsha kwale bhuma, amapolisa akuQumbu ayaqhuba nophando lwawo.

 

Lilonke inani labakhwetha abasele bebhubhile – ukusukela oko liqalile ixesha lesiko lolwaluko – bakwisihlanu. UKupelo uthi abakhwetha abathe babhubha, omnye ngowaseDimbaza logama omnye ingowaseNgqeleni, apho iimpawu zokunqongophala kwamanzi emizimbeni yabo kuchazwe njengesinye sesizathu sokubhubha kwabo.

 

Iingcibi kwakunye namakhankatha angoonomgogwana – belishumi elinanye bebonke -bathe babanjwa eLibode naseNgqeleni kwiveki ephelileyo emva kokubonwa beqhuba isiko lolwaluko bengagunyaziswanga.

 

UKupelo uthi isebe lezempilo ephondweni likhuphe imali ekwizigidi ezilishumi elinesithathu (R13 million) ukulwa nombandela wokubhubha kwabakhwetha.

Le mali iquka ukongezwa kwenani labongikazi noogqirha bokujongana nabakhwetha abangeniswa kwizibhedlele zephondo.

 

Lo kaKupelo ukwathe zizithuthi zohlobo lwe-4×4 ezingamashumi amathathu anesihlanu ezincedisa ekujongeni undonakele kwiibhuma ngeebhuma zeli phondo kweli xesha lolwaluko lwaphakathi enyakeni.