Kubhubhe ootitshala ababini eCacadu!

Esinye sezikolo ezidala eMpuma Koloni, nebekulindeleke ukuba sibhiyozele iminyaka elikhulu kwinyanga ezayo iGlen Adelaide eMtsheko, eCacadu, sibhujelwe ngootitshala ababini ngophanyazo.

Ingxelo yeNqununu ithi ngenene aba titshala babhubhe ngethuba besenza amalungiselelo okubhiyozela iminyaka elikhulu sasungulwayo esi sikolo. “Ewe yinyani leyo, besele silungiselela eli theko kwinyanga ezayo, suka safunyanwa sesi sithwakumbe saba titshala,” kutsho iNqununu.

Ingxelo ithi aba titshala babuyele esikolweni ngomhla wesibhozo kwinyanga yeSilimela emva kokuvalwa kwelizwe ngenxa yesifo seKhorona.

Esi sikolo sidlale indima ecacileyo ukunyusa izinga lemfundo kule ngingqi nanjengoko sivelise izifundiswa eziliqela ukusukela ngo1920.

OsiSithethi seSebe leMfundo eMpuma Koloni, uLoyiso Pulumani, ungqinile ukuba ngenene banayo ingxaki yokubhujelwa ngootitshala kwesa sikolo saseGlen Adelaide.

“Ewe, singatsho ngaphandle kwamathandabuzo ukuba bakhona ootitshala ababhubhileyo ababini kwesa sikolo,” kucacisa uPulumani.

Oku kwenzeka logama kukho ingxoxo enkulu eqhubeka phakathi kwabazali, urhulumente noluntu ngokubanzi malunga nokuvulwa kwakho kwezikolo okwenzeke ngoMvulo wale veki. “SiliSebe sithi akuhlanga lungehliyo kwiintsapho zootitshala ababhubhileyo, nakwezinye iindawo zephondo siyavelana nabo kweli xesha linzima kangaka,” kutsho uPulumani.

Kukho iingxelo ezingaqinisekiswanga zokuba iMpuma Koloni sele inootitshala abangaphezu kwamashumi amabini ababhubhileyo ukusukela oko kuvulwe izikolo.

Imibutho equka iNaptosa neSADTU ithethe kwavakala kwakuqala malunga nokuvulwa kwezikolo. ISADTU ngomlomo kaChris Mdingi, kudala isithi mazivalwe izikolo, kwelinye icala iNAPTOSA, ngomlomo kaNkosiphendule Ntantala, ithi makuqhutywe uphando ukuze iingxelo eziza nophando olo ibe zizo ezibangela ukuba kuthathwe isigqibo.

USihlalo weSebe leSADTU kule ngingqi uNoxolo Mawuzi Ndlazi, uthi belisebe leSADTU eCacadu bajongene nengxaki ngenene kwisifo sekhorona.

“Sinamalungu angamashumi amathathu apha esebeni kuphela, amanye asalindele iziphumo zawo emva kokuba enze uvavanyo lwesifo sekhorona, lingenyuka eli nani,” kucacisa uNdlazi.

Uthi bavavanyiwe ootitshala baseGlen Adelaide emva kokubhubha koogxa babo.

“Kwiveki ephelileyo eSebeni besinamalungu amathathu abhubhileyo nangona ke bezingekho iingxelo eziqinisekisa unobangela wokubhubha kwala malungu,” kutsho uNdlazi.