Kubhubhe umntwana ona-3 eqwengwa yinja!

INTWAZANA eminyaka mithathu yakwilokishi yaseZwide, eGqeberha, idlakazwe yinja de yawunabel’ uqaqaqa.

Ngokwengxelo kaCol Priscilla Naidu wamapolisa, le nja, yohlobo lwepitbull, ifumene ikroba lokuphuma esithubeni esivulekileyo, esisegeyithini yakokwayo ze yonda ngale ntwazana ngethuba idlala nabanye abantwana esitalatweni ngenjikalanga yayizolo.

“Kurhaneleka ukuba malunga nemizuzu engamashumi amabini emva kwentsimbi yesine, uSimamkele Kovu (3) ebedlala kwiSitalato iMsengana kufutshane nakokwabo ngethuba ehlaselwa yile nja.

Le nja ihlatywe amatyeli aliqela ngumhlali obezama ukuhlangula lo mntwana. Ufumene umonzakalo eliqela entanyeni nasebusweni waze wabhubhela kwindawo leyo yesehlo, ” kubika uCol Naidu.

UNaidu uthi kutyholwa ukuba le nja yeyomntwana ohlala kwakwesitalato kodwa kuvakala ukuba ebengekho ngethuba lesehlo.

Amapolisa aKwaZakhele avule uphando ngesi sehlo.

Abakwantsasana bakwacele abahlali ukuba baqinisekise ukuba iindawo zabo zikhuselekile kwaye izilwanyana zabo zivalelekile.