Kubhubhe unogada emva kophango oluphanzileyo

Amapolisa avale indlela iDuinenfontein ekufutshane neManenberg ngethuba kukhuthuzwa ngaphakathi kwivenkile yakwaShoprite eNyanga JunctionUMFANEKISO: Phando Jikelo

Kapa: Umphathiswa wamapolisa kuzwelonke, uFikile Mbalula, ubulela intsebenziswano phakathi kwamapolisa noonogada ekhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa kwisiganeko sokuzama ukuphanga eNyanga Junction, eManenberg eKapa.

Kule veki, uMbalula utyelele olu dederhu lweevenkile lwaseNyanga, nalapho axelele oonondaba ukuba “sizakuqubisana nabo bathe gqolo besenza iziganeko zolwaphulo-mthetho nophango olujoliswe kumashishini!”

UMbalula uthe uyabulela koonogada abasebenza kwela ziko abaqinisekisa ukhuseleko lwabantu abasebenza phaya kunye nolwabathengi.

Uthi amapolisa awazokulala kwaye azakuqhuba ukusebenza ekhangela oonqevu abazimisele ukuthatha izigidi zeerandi kumashishini eli phondo. “Amapolisa awazokuphumla, awazokuqhwanyaza tu de abanqevu babini babalekileyo bavalelwe.”

Oku kulandela isiganeko sokuzama ukuphangwa kwemali kwivenkile yakwaShoprite eNyanga Junction, nalapho kuye kwabakho ukutshintshiselana ngeembumbulu phakathi koonogada, amapolisa kunye nabarhanelwa.

Kwesi siganeko, oonqevu baye bathimba abasebenzi bakwaShoprite abalishumi elinanye, konzakala unqevu omnye logama kusweleke unogada omnye. Abasebenzi ebebethinjiwe baye bakhululwa ngabanqevu emva kweeyure eziliqela.

Esi siganeko saseNyanga Junction siza kanye kusuku emva kwesiganeko sokuphangwa kwemoto yemali kwingingqi yaseDelft, nalapho oonqevu babaleke nesixa-mali esingekadizwa. Akukabikho mntu ubanjiweyo kwisiganeko saseDelft kodwa amapolisa anethemba lokuba isithuthi esifunyenwe kwindawo yesiganeko sizakuwanika umkhondo.