Kubiwa amatye wamangcwaba eMthatha

La ngamanye wamangcwaba akufuphi nendlela yaseQokolweni ashiywe evulekile nachazwa njengayingozi kubantu abadlula apha, nemfuyo. UMFANEKISO; Sinikelo Goqweni

Iyaxhalabisa, isothusa imeko yokonakaliswa kwamangcwaba kwindawo yakwaSekeni eMthatha kulandela iziganeko eziliqela zokubiwa kwamatye wamangcwaba. 

Ezi ziganeko zichukumise umasipala weKing Sabatha Dalindyebo ukuba athathe isigqibo sokuwabiya lamangcwaba ukususela kunyaka ozayo. 

USodolophu waseKSD uDumani Zozo uthi lo masipala uzakuchitha imali ebalelwa kwizigidi ezintandathu ukubiya lamangcwaba, ukuze kuthintelwe lo mkhuba.

“Ziliqela iziganeko esinazo zokonakaliswa kwamangcwaba apha eMthatha kwindawo yakwaSekeni. Izihlobo zabantu abangcwatywe kule ndawo bayeza kwamasipala bezochaza lomkhuba ongaqhelekanga. 

Sicela abantu bamane betyelela amangcwaba ezihlobo zabo ukujonga akukho monakalo kusini,” utshilo uZozo.

Ngokwengxelo kuya kuxhaphaka ukubona abantu abangaziwayo bejikeleza phakathi kwala mangcwaba ngaphandle kwemvume kamasipala, kwaye kuzula nemfuyo efana neenkomo. 

Oku ngumngcipheko kwimfuyo nanjengoko amanye amangcwaba eshiywa evulekile logama kungekho ntambo zibonisa ubungozi. 

UZozo ukwathe” Sothuke simangalisekile kwiveki ephelileyo ngethuba sicoca lamangcwaba, sifumene iibhotile zotywala nto leyo ibonakalisa ukusetyenziswa kotywala emangcwabeni ngabantu.”

Umasipala uthi emva kokuqaphela lo mkhuba, ufake amagosa kamasipala ukugada nokuthintela ukwebiwa kwamatye wamangcwaba. 

Usodolophu uthi usaqhuba uthethathethwano neentsapho ezichaphazelekayo nezibikele umasipala ngalo mkhuba.  

Umasipala uthi akakwazi ukunikezela ngeenkcukacha zeentsapho ezibelwe amatye kuba akanamvume yokwenza oko.