Kubongozwa abahlali bangayisebenzisi indlela uR61 ngenxa yodushe loonoteksi

Uvaliwe uR61 ophakathi kweLusikisiki neSajonisi ngenxa yodushe lwabaqhubi bezithuthi zikawonkewonke. Kukwabhubhe abantu kolu dushe kwabanjwa abayi-11.

Lonyukile inani labarhanelwa ababanjwe kudushe loonoteksi elenzeka kwidolophu yaseSajonisi. Ngoku balishumi elinanye (11) nekulindeleke ukuba bavele kwiinkundla zamatyala zala dolophu kungekudala. Abarhanelwa bajongene nezityholo zokubulala, ukuzama ukubulala, ukutshisa, ukudala izixholoxholo edolophini kwakunye nokuba nemipu engekho mthethweni ngokokutsho kwengxelo yamapolisa aseMpuma Koloni.

Kukwafunyenwe izibhamu eziyi-15 eziluhlobo lweAK47 nalapho kufunyenwe nenqwaba yeembumbulu. UColonel Priscilla Naidu uthi amapolisa agcwele kula dolophu egade ucwangco ekwajonge nokhuseleko.

ULieutenant General Nomthetheleli Mene udize ukuba amapolisa, imibutho nabo bonke ababandakanyekayo kolu shishino sithetha nje babambe indibano ngeenjongo zokuza nesisombululo kule ngxaki nokuphelisa nya olu dushe. UMene ebecelile ngoLwesibini ekubeni kudityanwe ngeenzame zokuba kupheliswe ezi zixholoxholo.

Kolu dushe sele kubhubhe oonogada abanye abantu balwela ubomi babo esibhedlele nekuquka nenkwenkwe ena-11 echanwe ngempazamo izihambela edolophini ngoLwesibini kule veki.

Olu dushe luphakathi koonoteksi baseSajonisi kwakunye nabaseLusikisiki. UMasipala wasePort St. Johns ubongoza uluntu ekubeni lungayi edolophini luhambele kude kuyo de bakhululwe ngamapolisa. Lo Masipala ukwabongoza uluntu ekubeni lungayisebenzisi indlela uR61 ophakathi kweLusikisiki neSajonisi.