Kudlwengulwe ixhegwazana ngummelwane walo

Amapolisa aseGcuwa avule ityala lokudlwengula emva kokuba kuthe kwadlwengulwa umhakhulu onamashumi asixhenxe anesithandathu (76) ubudala waseMsendo kuGatyana.

Umhakhulu udlwengulwe kubusuku bangoLwesine emzini wakhe kwiveki ephelileyo, edlwengulwa yindoda enamashumi amane anesibhozo (48).

Iingxelo eziphuma kuKapteni Jackson Manatha zithi, ixhoba lithi live umntu elikrwitsha lazama ukukhala, umrhanelwa waqhubekeka elikrwitsha, emva koko loyisakala ngamandla wamdlwengula.

Emva kokuba umrhanelwa egqibile ukudlwengula umhakhulu uye walayita indlu elibele, kulapho aye wambona umhakhulu ukuba ngubani obemdlwengula nekuye kwafumaniseka ukuba ngumfana ongummelwane kamhakhulu.

Umrhanelwa uyavela kwiinkundla zamatyala kuGatyana namhlanje.