Kudutyulwe ixhegokazi lisemzini walo!

Lixhelekile usapho lakwaMatanga kwilali yaseVananda eNgqamakhwe emva kokuba kuthe kwadutyulwa ilungu lalo losapho lidutyulwa yindoda engaziwayo.

Ongasekhoyo uNomathamsanqa Matanga, 64, udutyulwe wabhubha kwangoko esemzini wakhe ngethuba ephandle.

Ngokwengxelo ephuma kwiSithethi samaPolisa aseGcuwa uCaptain Jackson Manatha, ixhoba beliziphumela phandle lishiya abazukulwana balo ngaphakathi endlwini.

UManatha uthi abazukulwana beve ngezithonga zompu, xa bephuma phandle bekroba, bafika uninakhulu wabo ethe natya phantsi kwaye sele ebhubhile.

Umrhanelwa khange abonwe mntu nekukholelwa ukuba udubule ixhoba akugqiba wazimela. Oku kwenzeke ngomhla wokuqala emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya.

Amapolisa aseNgqamakhwe abongoza nabanina onokuthi abe nolwazi malunga noku atsalele amapolisa ku08600 10111.

INkumanda kumaPolisa aseGcuwa uBrigadier Ngangema Xakavu usikhalimele esi sehlo sokubulawa komntu omdala. Kusenjalo, ivele kwinkundla yamatyala akuCentane ngoMvulo indoda exabele yabulala umfazi wayo.

Le ndoda, 36, ixabele ngesikhali esinobungozi kumzimba ongasentla inkosikazi yayo enamashumi amathathu anesine kwikhaya labo eQoboqobo kuCentane.

UManatha uthi isizathu sokuba indoda ibulale inkosikazi yayo asikacaci. Oku kwenzeke ngempelaveki esisuka kuyo.

Ingxelo iqhuba ithi ixhoba libhubhele kwindlela eya kwisibhedlele saseGcuwa. Igama lexhoba nguNondumiso Nombasa Sigodoyi.