Kudutyulwe umqhubi weteksi eBhayi

Amapolisa aseMotherwell eBhayi, avule ityala lokuzama ukubulala emva kokudutyulwa komqhubi weteksi.

Lo mqhubi weteksi (38), kuvakala ukuba ebeyokulanda umntu eWalmer ngethuba ehlaselwa yindoda angayaziyo kwisitalato iNyarha eMotherwell.

Isithethi samapolisa ala mmandla uConstable Mncedi Mbombo uthe: “Iteksi le iphume endleleni yangqala ngqo ngakwihlathi elikufutshane emva kokuvakala kwezithonga zompu.”

“Okwangoku akukacaci ukuba bezingaphi izithonga ezidutyulwe kwixhoba. Lo noteksi uthathwe wasiwa eMotherwell Health Care Centre emva koko ze wathunyelwa kwisibhedlele saseLivingstone kwaseBhayi,” utsho uMbombo.

UMbombo uthi okwangoku akukabikho bantu babanjiweyo. Amapolisa ayaqhubeka nophando.

abongile.ginya@inl.co.za