Kufuneka izakhono kwimfundo esisiseko

Ingaba ilizwe eli linyanisekile xa lisithi linqwenela ukubona iziphumo zebanga leshumi ezikumgangatho omhle xa kuphela unyaka. Oku ndikubuza ngenxa yengxelo zakutsha nje ezithe zakutshwa yi-ofisi yomphicothi zincwadi jikelele uKimi Makwetu malunga nemfundo yabasaqalayo.

Lo ka Makwetu uthi amaziko emfundo yabaqalayo azele abahlohli okanye abafundisi ntsapho abangenazo iincwadi ezisemthethweni zokwenza lo msebenzi. Eli lelinye lamanqanaba abaluleke kakhulu kwimfundo yomntwana nanjengoko kulapho kuxonkxwa khona oyena umntu uzakuba ngumntu wenene kwixesha elizayo.

Ukuhlohlwa kwababantwana ngabantu abangenazo iincwadi ezisemthethweni zokwenza lo msebenzi kuthetha ukuba makhulu amathuba okuba ababantwana bangaphuma kweli nqanaba lokuqala esikolweni beyimveliso engavuthwanga okanye engagqibelelanga.

Uphando lubonisa ukuba umgangatho wolwazi lomfundisi-ntsapho lunefuthe kumgangatho womntwana lowo usukuba efundiswa.

Amaxesha amaninzi abantwana ngenxa yomgangatho wolwimi oluthethwa okanye olubhalwa ngumfundisi-ntsapho, baye bakhulelwe ngumdla wokufana nalowo obemfundisa kwikamva labo.

IMpuma Koloni ichazwa ukuba inabafundisi ntsapho abakwelinqanaba abaqikelelwa kumashumi asibhozo anesibhozo eepesenti kwaye bahlohla befundisa ezintsatshana ngaphandle kweziqinisekiso okanye iincwadi ezisemthethweni.

Oku kucacisa ngaphandle kwamathandabuzo ukuba umnqweno wokubona uphucuke umgangatho weziphumo zebanga leshumi iseliphupha elingekazukuphumelela.

Eli leMpuma Koloni lelinye lamaphondo ahlala efumana amanani angaxolisiyo noko kumanani okuphumelela kwabafundi bebanga leshumi.

Ukuqinisekisa ukuba abafundisi ntsapho bamabanga uGrade R ukuya kwibanga uGrade 3 baneziqinisekiso ezisemthethweni kungabangela ukuphucuka kwemfundo esuka kulamabanga ukuya kutsho kumabanga angasentla.

Ukusukela ngonyaka ka 1994 eli loMzantsi Afrika laqalisa nenkqubo yokufundiswa kwabantwana beseneminyaka ephantsi apho bathi bafumane ithuba lokufunda isiqalo sezinto ezithi zibe sisiseko semfundo yabo xa bebadala.