Kufuniswa ngesikrelemnqa sesidlwengu eBhayi

UYanga Ntsiko (28) ofunwa ngamapolisa aseBhayi. Umfanekiso: Amapolisa.

Amapolisa aseBhayi afunisa ngomrhanelwa ogama linguYanga Ntsiko ojongene netyala lokuxhwila, ukudlwengula kwakunye nokubetha intwazana enamashumi amabini ubudala yaseMotherwell eBhayi.

Ngokwengxelo ephuma kumapolisa aseMotherwell, uNtsiko (28) ufike kwikhaya lexhoba walithatha ngemoto leyo ebehamba ngayo walisa kowabo eNcuncu kwaNU8 emva kwentsimbi yesibhozo ngoMgqibelo, apho afike walidlwengula, emva koko walikhulula.

UKapteni Andre Beetge, uthi uNtsiko ukwajongene nelinye ityala lokuzama ukubulala kwanelokubulala.

Oku kwenzeke ngeCawe emva kokuba lo kaNtsiko ethe wafika kwikhaya elithile eNU9 kwaseMotherwell ekunye nogxa wakhe bathi badubula uLuyanda Mncayise onamashumi amahlanu ananye (51) bemdubula kuba befike unyana kaMnciyane engekho ebebefuna yena.

UBeetge uthi, emva kwesithonga sompu umakhelwane wexhoba uNosinda Suthu ubaleke wayokukroba ekubeni kwenzekani, kulapho adutyulwe khona naye esiswini. Abarhanelwa baye babaleka ukugqiba kwabo. USuthu ebengeniswe kwisibhedlele esikufutshane.

Amapolisa abongoza kuluntu olunokuba nolwazi ngoYanga Ntsiko luze ngaphambili ukuncedisana namapolisa ukuze abhaqwe.