Kufunyenwe isidumbu esingaziyawo sowasetyhini

AMAPOLISA aseLusikisiki
amemelele kubemi bale dolophu ukuba bayokufanisa umzimba wongowasetyhini ongaziwayo
nofunyenwe ungcwatywe kwilali yaseMatlaneni kule dolophu. Esisidumbu sifunyenwe
singcwatywe kwithafa lale lali ngeCawe. 

Abahlali babikele amapolisa emva kokukhwankqiswa
kukubona inja isitya amalungu omzimba wenyama yomntu, phambi kokuba ibonwe
irhuqa ingalo. Emva koko balandele umkhondo wale nja de bafikelela kumngxunyana
obufihlwe kuwo lo mzimba. Umfi uqikelelwa kwiminyaka engamashumi amabini
anesihlanu, ufunyenwe enxibe isikete esibomvu kwaye umntsundu ngebala. 

Othethela amapolisa aseLusikisiki uKhaputeyni Mduduzi Godlwana uthe umzimba
ukwiziko logcino zidumbu lukarhulumente kwaye abani na uvumelekile
ukuyakuwufanisa. Uqhube wathi, “Amapolisa avule ityala lokubulala, kurhaneleka
ukuba umfi ubelixhoba lodlwengulo, kodwa oko kuyakuqinisekiswa ziziphumo
zoxilongo sidumbu.” Ukwathe, umzimba ugcinwe kwiziko lezidumbu karhulumente
eLusikisiki kwaye uvulelekile ukuba ungabonwa luluntu ukunceda ukufumana usapho
kwakhe. 

Ukwabongoze ukuba nabani na onganolwazi makaqhakamshelane namapolisa
aseLusikisiki okanye amtsalele umnxeba kule nombolo 07 895 0889. Lo mzimba
ufunyenwe sele usonakala. UGodlwana uthe, kuyakhwankqisa ukufumanisa ukuba
kusekhona abantu ababulala abasetyhini ngokungenalusini.