Kugug’ othandayo, atsho amaxhegwazana aseMonti

AMBALWA amaxhegwazana athi akuthatha umhlalaphantsi abe sele ezinika olunye uxanduva.

Kutsha nje sincokole namanina asele esidla umhlala phantsi asukela kumashumi amathandathu eminyaka ukuya phezulu aseAmalinda eMonti phantsi kwendibanisela iVukani Senior Citizens (VSC). Uninzi lwabo lusaziqhubela imoto zalo, lusaziphekela kambe abanye bazihlalela bodwa kwizindlu zabo zonokutsho.

Abamakhulu babengamanesi, ootishalakazi, abanye babo besebenza kumasebe awohlukeneyo karhulumente bekwa ngamalungu ebandla lase Wisile, iAmalinda Methodist Church. Bazigcina bexakekile ngokuthi bathunge impahla enxitywayo. Rhoqo xa bedibene, baqala ngokuzilolonga bekuleminyaka bakuyo.

UThobeka Maliwa weVSC uthi, oku kuzinzame zokuba bahlale besempilweni kwaye begcinakele kungabilula ukuba bahlaselwe zizifo.

“Eli qela saliqala ngo2011 sibayi 21 kodwa ngoku sele sibayi 15 apho saqala ngokuthungela abantu becawe yethu, kanti saqhubekeka sathungela amaxhego kwakunye namaxhegwazana ahlala kumakhaya agcina abantu abadala sibathungela impahla zokulala, iingubo zokombathisa iinyawo nomqolo kwakunye neminqwazi eshushu yasebusika esiyisa kabini rhoqo ngonyaka.

“Siyabasela xa izakubayi Krisimesi sibasele xa kuzakuqala ubusika asiyi siphethe ezompahla qha sibaphathela nezinto ezimnandi kwaye sibonwabise oogxa bethu sifune babone ukuba ngokubekwa kulamakhaya abalahlwangwa bayathandwa kwaye bakhathalelekile,” utshilo uMaliwa.

I-VSC yazithathela ikhaya elibizwa ngokuba yiDJ Sobey Old Age eseBufallo Flats yabantu abalibala labo nabathi zange bazikhethele ngokuthanda bakhethelwa ngonontlalontle.

“Apha sikwaphuhlisana nezakhono zenu ebesingazazi ukuba sinazo kuba siyancedisana. Siyazihlohla neentsimbi. Siyathengisa nakwi cawe yethu iminqwazi esiyenzilleyo

UFlorence Mlomo wekhaya ekudityanwa kulo ngamanina uthi ngokukhupha indlu yakhe ekhupela oogxa bakhe kuphuma kuye entliziyweni njengoko kusaziwa ukuba umntu olinina akwamkelekanga ukuba abone elinye lisokola fanele ayaphathisana ngalo lonke ixesha.

“Sasikade sithe saa kumane kusiyiwa komnye ndabona iyasichana noko lento indawo ndinayo mandibamkele kuba nam ndindodwa,” utshilo uMlomo.

La manina sele ekhulile athi awakhethanga bani ngokwebala nabani na onomdla angazibandakanya nabo. Abakucelayo ngoku yinkxaso yezixhobo zokuthunga nangona besithi ikhona inkxaso abayifumana kumalungu enkonzo.

Aba ke banalo nexesha lokuzikhupha batyelele nakwamanye amaphondo afana nela KwaZulu Natal nase Mpumalanga, nakumazwe afana naseSwazini.

abongile.ginya@inl.co.za