Kuhlaselwe i-ambulensi: Umntwana, 8, ubhubhile

INKWENKWANA eneminyaka esibhozo iswelekele kuN2 emva kokuba kuhlaselwe i-ambulensi ebimsa kwisibhedlele sabantwana iRed Cross War Memorial.

Ibicholwe eDelft apho yonzakele emveni kokungquzulana kwezithuthi ngoLwesithathu.

Isithethi seEmergency Medical Services (EMS) kweli phondo uRobert Daniels, uthe le nkwenkwana ayaziwa ukuba ibisuka phi okanye ibisiya phi.

“I-ambulensi yesebe lezempilo eNtshona Koloni ebisingise eRed Cross ihlaselwe eBorcherds Quarry. Abasebenzi bakhonjwe ngompu bakhuthuzwa yaze i-ambulensi yashiywa icimile. Ngelishwa, isigulane esineminyaka esibhozo siswelekile ngenxa yolibaziseko olubangelwe kokokukhuthuzwa.”

UDaniels uthe akukho wenzakeleyo kubasebenzi. Zingapha kwe-200 iziganeko zokuhlaselwa kwabasebenzi beEMS ukususela ngo-2012.

IKalksteenfontein, iNyanga, iHanover Park neTafelsig ziphakathi kweendawo ezinobungozi kwinkonzo zeEMS.

I-EMS zikhatshwa ngamapolisa xa zingena kwezi ndawo.

IiParamediki ezingapha kwewaka zahlangana kumabala ezemidlalo iPhilippi Brown’s Farm kunyaka ophelileyo, apho zazicela inkxaso kumapolisa neCPFs ukuba zibakhaphe.