Kukho ithemba kwisicwangciso esitsha sokulwa ugawulayo

Urhulumente
welo Mzantsi Afrika uqalise inkqubo yokukhathalela abantu abagula sisifo
ugawulayo ngokutshintsha indlela ebekuqhutywa ngayo amalinge okulwa nesisifo.
Kulenkqubo intsha kulindeleke ukuba abantu bavavanye bekwanyangwa isifo
ugawulayo ngaphandle kokujonga izinga labo lokuchaphazeleka kwesi sifo (CD 4
Count). Inkqubo yokunyangwa kwabantu abagula sesisifo ibikade inyanzela ukuba
umntu ogulayo afumane uncedo kuphela xa iqondo lokugula lihleli ngaphantsi
kwamakhulu amahlanu (CD4 Count). 

Othethe egameni lesebe lempilo kuzwelonke uJoe
Maila uthi kukho ithemba lokuba lenkqubo izakuza neenguqu kwindlela urhulumente alwa ngayo
nesisifo. “Sinethemba lokuba oku kuzakuphungula ukosuleleka kwabantu sisifo
ugawulayo logama kuzakuba kusanda inani leminyaka ephilwa ngabantu belizwe
loMzantsi Afrika,” ucacise watsho uMaila.

Uthi abantu
beli baphila bafike kwiminyaka engamashumi
amathandathu anesithathu, akathandabuzi ukuba eliphulo lizakunyusa leminyaka iye
kumashumi asixhenxe. ”Esi sicwangciso sisenze sahambela kanye nenkqubo ebanzi
yophohliso yorhulumente wethu iNational Developmente Plan,” uthethe watsho
uMaila. Le ngxelo karhulumente ithi oku kuzakunceda ukuphungula ukosulelwa
kwabantu abangenaso esisifo ngabo sele besulelekile. Ingxaki zokunqongophala
kwamachiza alwa nesisifo kukwalindeleke ukuba ifikelele esiphelweni ngenxa yesi
sicwangciso sitsha sikarhulumente. “Kwezinye indawo zelizwe zikhona indawo
ingxaki zokunqongophala kwalamachiza,kwaye oko kubangela ukuba abantu bazibone
bengaqhubi kakuhle ukutya lamachiza ngokuba nentsuku abangawatyi ngazo,” utsho
uMaila.

 Ingelo karhulumente ithi lishumi elinanye
lepesenti lamakhosikazi eli agula sisifo ugawulayo nabudala bawo buphakathi
kweminyaka elishumi elinesihlanu ukuya kumashumi amabini anesine.”Siqhuba
inkqubo zokubafundisa nokubavula imehlo kwingxaki zesifo ugawulayo,”utsho
uMaila. Amalungu epalamente ajikajike ngemibuzo usekela mongameli weli uCryil
Ramaphosa ngemicimbi eliqela equka lenkqubo intsha yokulwa isifo ugawulayo.
Ngabantu abakwizigidi ezithathu abafumana amachiza okulwa nesifo ugawulayo
kweli loMzantsi Afrika. Ngesi sicwangciso urhulumente uncwase ukunyusa inani
labantu abazaziyo ukuba banaso okanye abanaso na isifo ugawulayo siye kumashumi
alithoba epesenti ekhulwin