Kuliwa ngepali yombane kwaPayne

Ipali yombane yakwa-Eskom kwilali yakwaPayne eMthathaUMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

EMVA kokungavisisani kwabahlali bakwaPayne kwakunye nenkosikazi yale ndawo ebingavumeli amagosa akwaEskom ekubeni angene alungise ipali ethwele amatanki amumathe umbane kwiyadi yayo, uEskom ugqibe kwelokuyikhupha le pali ebikumzi kaVuyokazi Walaza.

Abahlali bakwaPayne eNkanini kufutshane naseMthatha bebetyhola uWalaza “ngokunkonya” le pali ethwele amatanki amumathe umbane kwiyadi yakhe.

Le pali ikumzi kaWalaza kwaye ithumela umbane kubahlali abaliqela kule ndawo.

Abahlali bathi le ngxaki iqale xa uWalaza ethenga umzi omelene nalowo wakhe kwiminyaka edlulileyo.

“Ugqiba kwakhe ukuthenga lo mzi, wabiyela le pali ngaphakathi emzini wakhe. Ingxaki yethu kukuba umbane wakhe awutsali kule pali, ngoko ke yiyo le nto avele avalele abasebenzi bakwaEskom xa befuna ukusebenza.

“Abasebenzi bakwaEskom bade bajike ngenxa yokuba engabavumeli ukungena, sibe thina sifowune ngeemali zethu ukuba kuzokulungiswa umbane,” utshilo omnye umhlali wale ndawo.

Kodwa uWalaza uziphikile ezi zityholo. Uthi kudala ezama ukuthetha noEskom, efuna ukuba isuswe le pali emzini ngenxa yokumana idubula ngamaxesha athile. Imbalelwano esuka kwaEskom ithi lo mnkinkisheli ugqibe kwelokuyisusa le pali kwaWalaza. UWalaza ukungqinile oku.