Kumkani Zwelonke: Ndilihlwempu elicelayo

Ikumkani uZwelonke Sigcawu kumsitho wokubhiyozela imini yakhe yokuzalwa kwikhaya lekumkani eNqadu

IKUMKANI yamaXhosa uMpendulo Zwelonke Sigcawu ubalule ukuhlwempuzeka kwakhe nokuhamba ecela phambi kwenginginya ebibuthelene Komkhulu eNqadu kuGatyana kwimpelaveki esiyishiya ngasemva, ebiyokubhiyoza naye nanjengoko efince iminyaka engamashumi amahlanu wazalwayo.

Nangona nje ebalula indlala Komkhulu, uSigcawu, esebenzisa iKing Zwelonke Foundation, ukwazile ukuqokelela imali engaphaya kwesigidi seerandi (R1.2 million) ukuze abhiyoze nesizwe sakhe kulo nyaka.

“Le mali siyiqokelele ngoncedo lomfo wakwaGoba (uDumisani) endamsondeza kuba ndibona isakhono sakhe sokuququzelela iiSATMA Awards. Loo mali asiyoyam, yeyesizwe sam. Ngenxa yale mali, ndiza kukwazi ukolula isandla sam, ndifikelele kwabo bangathathi ntweni,” utshilo uSigcawu.

USigcawu uthi imeko yokunqongophala kweentsiba zokwenza uphuhliso Komkhulu imenza ukuba angalali behlayo ebusuku.

“Bantwana begazi ndilihlwempu elihambe licela, kuba ndifuna siphuhle isizwe endisikhokeleyo. Ayindiphilisi into yokubona isizwe sakowethu silambile, sigcwele ulwaphulomthetho nentswelongqesho,” utshilo uSigcawu.

Kulo mba wokucela utsho esithi: “Kuye nabani na onokundinceda, ndicela iimoto zohlobo lweMini Bus (Iveco) ukuze ndikwazi ukuhamba ndityelela neenkosi endizikhokeleyo. Imoto endinayo incinci yanela kuphela abantu abahlanu.”

Kwinginginya ebibuthelene Komkhulu, uSigcawu uthe: “Intliziyo yam ichulumancile kukunibona nizokubhiyoza nam. Ubukho benu bubonakalisa ukundithanda nokundixabisa. Nam ndiza kwenza njalo kuni. Ndinithanda nonke kwaye ndifuna nindicebise xa nibona ukuba ndiphuma ecaleni.”

Phakathi kwezinto eziza kuxhanyulwa luluntu olukhokelwe yile kumkani zizitulo ezinamavili (wheelchairs) ezilikhulu elinamashumi amabini anesihlanu neziswe ngoncedo lweKing Zwelithini Foundation KwaZulu Natal.

Kukwakho nezihlangu ezikumakhulu amahlanu ezithengwe yingqonyela yakwaSAA uVuyani Jarana logama abafundi abahlelelekileyo beza kuxhamla kwiziqhusheki zangaphantsi (sanitary pads).

Ibhanki uNedbank uthembise ngokubinza ngeekhompyutha ezingamashumi amathathu kwisikolo esiza kukhethwa yile kumkani.

AbakwaNedbank bakwathembise ngokufundisa uluntu lakwaXhosa ngezakhono zokulima ze baphinde baqeqeshe ulutsha olungaphangeliyo ngezakhono zoshishino.