Kunxakam’ ilizwe ngemeko yeSABC

KUHLOKOME ilizwe lonke izolo ngethuba lowo obebambele njengentloko yeSABC uJimi Matthews esaneka imbalelwano yakhe kumaqonga onxibelelwano edandalazisa ukushiya kwakhe kulo msasazeli woluntu.

UMatthews uthi ufikelele kwithuba lokukrukuqa yindlela elawulwa ngayo iSABC.

Kwincwadi ayibhalileyo echaza ngokushiya kwakhe uMatthews uthi, uchithe ixesha elide ethobela izinto angahambelaniyo nazo. Uthi ebecinga ukuba uzakudlala indima entle necacileyo kweli ziko losasazo ngeli xesha ebelinikiwe ukuba abengumlawuli oyintloko obambeleyo. “Imeko egqubayo ngaphakathi kwaSABC indichaphazele ngamandla kwindlela yam yokuziphatha, kwaye ndizibone ndihambisana nezigqibo endingazithandiyo emsebenzini wam,” utsho uMatthews. Ukwaxolisile kuninzi labantu boMzantsi Afrika ngokungathethi phandle ngexesha izinto zingahambi kakuhle eSABC.

Ukushiya kukaMatthews kuza emva kokuba kunqunyanyiswe ngoko nangoko iintatheli ezintathu zela qumrhu ngenxa yento ekukholelwa ukuba kukupapasha inqaku ngendlela engamkelekanga, emva kokuyalelwa ligosa eliphezulu kwiSABC uHlaudi Motsoeneng ukuba bangapapashi uqhankqalazo oluchasene nolawulo lweSABC.

“Into eqhubeka eSABC ayilunganga, kungoko ndithathe isigqibo sokuba ndishiye esi sikhundla ngaphandle kokuchitha ixesha ndiyinxalenye yengxaki,” utshilo uMatthews. Umbutho iDA wavelisa iingxelo zokuba lo kaMotseoneng akanazo iziqinisekiso zokuphumelela ibanga leshumi nangona ebambe esi sikhundla siphezulu.

Ukanti umbutho weRight 2 Know wona uvakalise inkxaso yawo ngakuMatthews ngelithi ilizwe loMzantsi Afrika malithabathe amanyathelo angxamileyo ngakuMotseoneng. Usihlalo walo mbutho uDale Mckinley uthi bazakuxhasa zonke iinzame zokuba kwenziwe iinguqu kulawulo leSABC. “Makahambe uHlaudi kuba ungunobangela weengxaki ezambethe iSABC, ayikho enye into enokwenziwa, makahambe uMotsoeneng.”

Ezinye zezigqibo zikaMotsoeneng ezenze bambombozela abantu ngeSABC ziquka umyalelo wokuba makunxitywe iyunifomu kwaSABC, makuyekwe ukupapashwa kweendaba ezinyola ulawululo lukaMongameli Jacob Zuma kwanokuba makuyekwe ukupapashwa kwemifanekiso ebonisa udushe ngethuba loqhankqalazo.

Iinzame zokufumana ilizwi kwiSABC ziwe phantsi.