Kunyhashwe ilungelo lamaxhoba engcinezelo

UMongameli woMzantsi Afrika uJacob Zuma, ebeka iintyantyambo engcwabeni lalowo ungasekhoyo uBantu Stephen Biko, ngeHuman Rights Day 2017, eQonce

IINTSAPHO namaxhoba embubhiso yokunyhashwa kwamalungelo oluntu ngethuba lengcinezelo, ziviswe ubuhlungu kwakhona ngosuku lwamalungelo oluntu kumsitho obubanjelwe eQonce ngoLwesibini ngethuba kunyhashwa ilungelo labo lamanzi kwanesidima.

Iintsapho namaxhoba empalalo-gazi yonyaka ka-1921 eBulhoek eNtabelanga ngaphandle kwakuKomani kwanezo zembubhiso ka-1985 kuKomani, zithi bezifumene isimemo sokuba yinxalenye nomsitho wamalungelo oluntu kumabala aseVictoria eQonce kodwa xa zifika azafumana kuhoywa.

UNtombomzi Bidli, owasinda cebetshu ngethuba amapolisa oontamo-lukhuni ethulula ngeembumbulu kuKomani ngo-1985 ngethuba yena nabanye babelinde ingxelo malunga nezikhalazo abanazo ngorhulumente wengcinezelo, uthi abaququzeleli balo msitho “abanambeko”.

“Besifumene isimemo njengamaxhoba okunyhashwa kwamalungelo oluntu. Sifike kweli bala kusasa kakhulu. Oko sihleli nje singanikwa manzi sinxaniwe. Xa sizama ukuya kwicala esibona ukuba leleendwendwe, siye sajikwa kusithiwa azikho izitulo zethu.

“Mna ndingumntu ogulayo, ofuneka engahlali elambile. Indlela endilambe ngayo yengathethekiyo. Ilungelo lam lamanzi nesidima linyhashiwe,” utshilo uBidli, owadutyulelwa ubhuti wakhe uToto kule mbubhiso yakuKomani ngo-1985.

UNoncedo Fati, owabulawelwa isihlobo sakhe kwimbubhiso yaseBulhoek apho amapolisa engcinezelo athulula ngeembumbulu kumalungu etyalike kaSirayeli awayebuthelene eNtabelanga eyokuthandaza, uthi indlela abaphethwe ngayo kulo msitho ithobele phantsi isidima sakhe.

“Sihleliswe elangeni sinxaniwe sibadala singanikwa namanzi la. Xa sibuza ukuba siza kuhlala phi, akukho mntu waziyo,” utshilo uFati.

Nangona nje uMphathiswa wesebe lezobugcisa nenkcubeko uNathi Mthethwa, ekunye nogxa wakhe wasephondweni uPemmy Majodina, bekukhankanyile ukubakho kwala maxhoba neentsapho ngethuba bethetha eqongeni – la maxhoba athi isiphatho asifumene kwabasemagunyeni siyakhabana nentsingiselo yolu suku.Isithethi sikaMajodina uAndile Nduna, uthi la maxhoba afike emva kwethuba eVictoria Grounds. “Umba wokuba ngubani ofanele ukuhlala phi ubulawulwa ngurhulumente kazwelonke,” utsho uNduna. Kodwa la maxhoba athi akhange kuthiwe afike emva kwethuba, koko axelelwe ukuba akaziwa.

Ethetha ngolu suku, uMongameli Jacob Zuma ubalule ezemfundo, ezempilo kwanemiba yophuhliso loluntu njengezinye zeendawo apho urhulumente athe waphucula khona umba wamalungelo oluntu. UZuma ukwaqinisekise uluntu ukuba imali yendodla izakuhlawulwa ngexesha layoxa kuphela le nyanga.

Phambi kwale ntetho, uZuma ephelekwa lisekela lakhe uCyril Ramaphosa utyelele amadlaka apho kulele khona uSteve Biko, wanika imbeko ngokubeka iintyatyambo ze wadiza ingcwaba likaBiko njengesiza samafa esizwe.

Umhlolokazi kaBiko uNontsikelelo Biko uthi bachulumancile malunga noku, nangona nje bebekhe bakrinikriniza besithi uBiko ibingeyinto ebenakuyithanda nanjengoko wayengemntu wamawonga.