Kunyhuku-nyhuku eNyunywini

BANEMINYAKA engapha kweshumi behlala ngaphandle kweenkonzo oogobityholo eNyunywini eKraaifontein, eNtshona Koloni. Baxhomekeke kwimfesane yabamelwane ukusebenzisa ilindle nokutsala umbane, bafumane namanzi.

Isixeko saseKapa sithi aba bantu abaqikelelwa ku-70 bahlala ngokungekho semthethweni kule ndawo kwaye basacela imvume kumniniyo ukuze bazise iinkonzo.

Inkokheli yabahlali uThanduxolo Lubisi uthi wafika apha ngo 2001. Abahlali basebenzisa ihlathi elingaphesheya kwesitrato iThakudi njengelindle.

ULubisi uthi, “Ndineminyaka eli-17 ndabalapha, kodwa zange ndabona phuhliso. Isixeko saseKapa asikhathali ngathi. Sixhomekeke kwimfesane yabahlali bakwa-4B ngamanzi, ilindle nombane, kodwa nabo bayadikwa kuba ngabantu. Banamaxesha okutshixa amasango abo malanga,” utsho.

Ilungu lekomiti yasemantla (Area North) uSuzette Little, uthi baziswa ngalo mba kwinyanga yeThupha.

“INyunywini ingunobangela wokuhlala endaweni ngokungekho semthethweni. Le ndawo ikumhlaba ozimeleyo. Sisathetha-thethana nomnini-ndawo ukufumana imvume yokuziswa kweenkonzo. Isixeko asinokwazi ukuzisa iinkonzo kumhlaba womntu ngaphandle kwemvume,” utshilo.

ULittle uthi isixeko sasiyinikiwe imvume yokwakha izindlu zangasese neempompo zamanzi kwaye basahlola ukuba yintoni edingekayo ukuqinisekisa unikezelo ngezi nkonzo.

“Eyokufakela umbane ixhomekeke kuEskom. Sisisixeko saseKapa sizama amalungiselelo okubathuthela inkunkuma,” utshilo.

UNoluthando Tshonyane ongumhlali uthi abakhuselekanga xa besebenzisa ihlathi ingakumbi ebusuku.

“Ziyenzeka izinto ezimbi kwela hlathi ebantwini ababhinqileyo. Sicela abantwana bethu basigade ngelixa sizithumayo. Khawufane ucinge loo mbono,” utshilo.

UTshonyane uthi le ntlalo yokungabikho kweenkonzo iyabasebenzisa.

“Ndibuya ndidinwe ndiyimvoco emsebenzini kodwa kufuneka ndiyokukha amanzi kwa-4B kungenjalo andiyi kupheka.”

UBulelani Marhafa uthi abahlala ezindlwini zezitena bayeka ukubavumela batsale umbane, abanye bayabahlawulisa.

“Isizathu sabo siyavakala ke phofu kuba sele sibaninzi abatsala kubo. Bathi ukuba bangandisa inani labatsalayo iibhokisi zombane zokwahlulakala. Ndibhatala iR200 rhoqo ngenyanga. Ndingomnye wabahlali abathandathu abatsala emntwini omnye, lo nto ithethe ukuba wenza iR1 200 ngokuthengisa umbane. Iyawa le bhokisi amaxesha amaninzi. Kufuneka thina batsali sibolekisane ngokupheka,” utshilo.