Kuphangwe isigidi seerandi kwiStokvel eBhayi

Inkumanda yamaPolisa kwisikhululo saseMotherwell eBhayi, uNjengele Dawie Rabie, ulumkise amaqela eStokvel kulo mmandla ukuba babandakanye amapolisa xa bezokwahlulelana ngemali yabo yeStokvel ukunqanda ukuba zizisulu zoonqevu.

URabie uthi ingathi amaqela eStokvel ezilokishini ngekhe atshintshe indlela yokugcina imali yawo kulo nyaka ka2018 ukwenzela ukuba angazukuba ngamaxhoba okuhluthelwa iimali njengoko kwenzekileyo kunyaka odlulileyo.

Isilumkiso sikaRabie silandela emva kokubona amatyala abeliqela okuphangwa izixa zemali engena kwesa sikhululo kwinyanga yoMnga. Ziziganeko ezikumashumi amabini anesibini ezithe zabikwa kwisikhululo saseMotherwell ngokumayelana nokuphangwa kwemali yeStokvel ebalelwa kwisigidi seerandi.

“Abo bangabaququzeleli bala maqela eStokvel lixesha lokuba ngoku batshintshe indlela yokugcina imali kwaye nendlela abathi bayisebenzise xa besaba imali leyo yeStokvel ngeenzame zokucutha amathuba okuba baphangwe imali yabo,” utshilo uRabie.

URabie ubongoze intsebenziswano phakathi kwabaququzeleli, oonogada kwakunye neebhanki ekubeni zisebenzisane ukulwa iimeko ezinje.

“Unyaka mtsha ngoku kwaye nezicwangciso mazibe zitsha. Makuqinisekwe ukuba ulwabiwo lwemali lalo unyaka lakuthi lube nomahluko kwaye lukhuseleke.”

Ukwabongoze amaqela eStokvel ekubeni athabathe inxaxheba kwiimbizo ezibanjwa kwisikhululo samapolisa ezibafundisa ngohlobo abanokuthi basinde ngalo ekuphangweni kweemali zabo.